1. Intlanganiso yeBhunga laBaphathiswa beMfundo (Council of Education Ministers) (CEM) yange-17 Septemba 2015 isivumile isigqibo sokuvunyelwa kokunyuselwa (condonations) kwabafundi kumaBakala 7 – 9 abangaziphumezanga iimfuno zokupasa ezisezantsi. Ukunyuselwa kwabafundi kumabakala 7 – 9 kuya kwenziwa ngokulandelayo kwiminyaka emithathu ezayo ngenxa yeemfuno zokupasa ezingqongqo kakhulu kula mabakala ukususela oko kwaqaliswa ngeCAPS ngo-2014.
1.1 Ukunyuselwa kuya kuvunyelwa ukuya kutsho kwizifundo ezithathu (3) ubuninzi ngokuqaliswa kwenkqubo yokunyusela abafundi kwizifundo, o.k.t. kuLwimi lweeNkobe, kuLwimi lokuQala oLongezelelweyo nakwiMathematika.
1.2 Ukuba umfundi akadingi kunyuselwa kwizifundo ezibalulekileyo (fundamental subjects), ukunyusela emva koko kusenokunikwa ingqwalaselo kwizifundo ezizii-electives phantsi komqathango wokuba itotali yenani lezifundo ezifumene ukunyuselwa azidluli kwisithathu.
1.3 Umyinge wokunyusela unokusetyenziswa ngokulandelayo ngo-2015 – 2017:

Unyaka 2015 2016 2017
Ipesenti yokunyuselwa ephezulu ngesifundo ngasinye (ubuninzi zizifundo ezithathu) 7% 5% 3%
1.4 Kubalulekile ukuba bonke abafundi baphathwe ngendlela efanayo nenobulungisa ngoko ke izikolo maziqale zisebenzise esi sikhokelo sokunyusela abafundi silapha ngentla kubo bonke abafundi abangekaziphumezi iimfuno ezisezantsi zokupasa baze emva koko kuphela bagqithiselwe kwelinye ibakala elilandelayo abo bafundi abakufaneleyo oko ngenxa yeminyaka bekwisigaba eso.
1.5 Izikolo mazigcine irekhodi yabo bonke abafundi abafumene ukunyuselwa kwisifundo nga sinye nakwibakala ngalinye.

2. Kubalulekile ukuqaphela ezi zilungiso pha napha ziya kuqaliswa kungakhathaliseki nokuba iipesenti zokupasa zesikolo zithini na.

3. Izikolo ziya kuthunyelwa isetyhula yeDBE enengcaciso evokothekileyo malunga noku nje ukuba ifumaneke kwiWCED.

4. Kucelwa iinqununu zazise ootitshala nabazali ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakunike ingqwalaselo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:30