1. Ukubhalwa komsebenzi wovavanyo olukumgangatho ofanayo kuzwelonke (common assessment task (CAT)) kwisifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation (LO)) kuqhubeke nge-04 Septemba 2015.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lazise iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ukuba abaviwa abangakhange babe nako ukubhala i-CAT yesifundo se-LO nge-04 Septemba 2015 ngenxa yesizathu esivakalayo, baya kunikwa ithuba lokubhala uviwo lokuxabangela nge-13 Oktobha 2015 ukuqala ngo-09:00 – 11:00. Nakuphi na ukuphuma ecaleni kulo mhla nakweli xesha kuya kuthathwa njengesitenxo soviwo esikhulu (serious irregularity).
3. Ithuba lesibini lokubhala i-CAT yesifundo se-LO liya kunikwa abo bafundi bangakhange babe nako ukubhala ngenxa yesizathu esivakalayo esinxulumene nokugula, iingxaki ezivelele usapho, okanye ezinye izizathu ezithile (other special reasons). Kwimeko nganye kufuneka umviwa anike ubungqina obungamaxwebhu abhaliweyo. Eli thuba lokubhala malingasetyenziselwa abaviwa abaqhube kakubi kuviwo lokuqala lwe-CAT yesifundo se-LO.
4. Yonke eminye imiyalelo malunga nokubhalwa kwe-CAT yesifundo se-LO, njengoko icacisiwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo: 0011/2015, mayilandelwe ngqo malunga nokubhalwa koviwo lokuxabangela lwe-CAT kwi-LO.
5. Izikolo ezinabafundi ababengekho eluviweni ngezizathu ezivakalayo mazizalise isliphu sokuphendula (reply slip) esiqhotyoshelweyo baze basithumele ngefeksi apha 021 467 9370 ungadlulanga uMvulo we-21 Septemba 2015.
6. Amaxwebhu abubungqina obubhaliweyo makagcinwe efayilini esikolweni yaye makafumaneke kubabeki-sweni besithili (district monitors) kwakwenziwa isicelo soko.
7. Isikhokelo sokumakisha siya kuthunyelwa ezikolweni yaye ukumakishwa nokumodareyithwa kwangaphakathi kweencwadi zeempendulo makugqitywe engadlulanga uLwesihlanu we-23 Oktobha 2015.
8. Kucelwa wazise le ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi beBakala 12 ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:11

UKUBHALISELA UVAVANYO LOKUXABANGELA KUMSEBENZI OKUMGANGATHO OFANAYO KWISIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOMI  (ubukhulu: 103 KB)