1.1 |
IMimiselo neMigangatho yokuXhaswa ngeMali kweZikolo kaZwelonke (National Norms and Standards for School Funding) efakelwe izilungiso (kwiGazethi kaRhulumente No. 33973, iSaziso 48) icacisa ukuba zii-ANA zeBakala 3 okanye zeBakala 6 eziya kusetyenziswa ukulinginisela inqanaba lokuphumelela kwabafundi kwizikolo ezizimeleyo ezikufaneleyo ukuxhaswa ngemali ngurhulumente. |
1.2 |
Injongo yale ngcaciso kukwazisa zonke izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente ezichazwe kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo ngebakala (3 okanye 6) ekuya kufuneka libhale ii-ANA nge-15 nange-17 Septemba 2015. Ithayimthebhile iqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo B. |
2. |
Iinkqubo phambi kokubhalwa kwee-ANA |
2.1 |
Izikolo zazinikwe iNgxelo engoLwimi lokuFunda noKufundisa (LoLT) (Language of Learning and Teaching (LoLT) Report) kwiCEMIS yaye zaziceliwe ukuba ziqinisekise ukuba kugqityiwe ngokuchanekileyo konke ukubhaliswa kwabafundi ngo-Apreli 2015. Oku yayikukuqinisekisa ukuba abafundi babhala iimvavanyo nge-LoLT echanekileyo, kwisifundo esichanekileyo nakwibakala elichanekileyo. |
2.2 |
Amaphepha emibuzo aya kwenziwa iipasela ngokweenkcukacha zobhaliso lwabafundi kwiCEMIS. Amagosa ezithili aya kuthatha amaphepha ovavanyo ukuwasa kwizikolo ezizimeleyo ngosuku lovavanyo. |
3. |
Ukulungiswa kwendawo yokubhalela iimviwo |
3.1 |
Iindawo ezikhethelwe ukubhalela ii-ANA mazilungiswe ubuncinane ngosuku olunye phambi kokubhalwa kovavanyo ngalunye. |
3.2 |
Iindonga zeklasi ekuxhonywe kuzo nantoni na enokunceda abafundi mazigqunywe okanye zisuswe izinto. |
3.3 |
Abafundi beBakala 3 banokuvunyelwa bazisebenzise izixhobo zokufundisa (teaching aids) njengoko kumiselwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) yeMathematika (Mathematics Curriculum and Assessment Policy Statement). Iindidi zezixhobo zokufundisa (teaching aids) zizinto ezifana nezinto zokubala ezizii-counters, iitshathi zika-100, imigca-manani ukuya kuzo naziphi na ezinye izixhobo abadla ngokuvunyelwa abafundi ukuba bazisebenzise ukusombulula izibalo. |
3.4 |
Indlela yokuhlala kwindawo yokubhalela iimvavanyo mayilungiswe ngohlobo oluya kuqinisekisa ukuba umfundi akanako ukuwubona umsebenzi womnye umfundi. |
4. |
Inkqubo ngosuku lokubhalwa kwee-ANA |
4.1 |
Izikolo aziyi kuzinikwa iimakhishithi ze-ANA. Endaweni yoko isikolo siya kucelwa siziprinte ezi makhishithi kwiCEMIS. Ziyacelwa izikolo zizikhuphele (download) yaye ziziprinte iimakhishithi ngokuya ku-"Assessments", "ANA 2015", ziye ku-"ANA Mark Sheets" kwi-CEMIS. Iimakhishithi zoLwimi neMathematika zeklasi nganye kwibakala elichaphazelekayo, mazikhutshelwe (downloaded) yaye ziprintwe ungadlulanga owe-14 Septemba 2015. Iimakhishithi nazo ziya kusetyenziswa njengerejista yokuhamba isikolo. |
4.2 |
Kwizikolo ezizimeleyo apho kukho ngaphezu kweklasi enye ebhala ii-ANA, inqununu mayenze amalungiselelo abagadi babaviwa bezo klasi ziya kuba zibhala. Apho kukho kuphela iklasi enye ebhala ii-ANA, uvavanyo luya kubhaliswa ligosa lesithili. |
4.3 |
Iincwadi zeempendulo zee-ANA, kunye nerejista yabafundi abangekhoyo, ziya kuthathwa ligosa lesithili kumasango esikolo kwangolo suku lunye lokubhalwa kwee-ANA yaye ziya kumakishwa kwiziko lokumakishela. |
4.4 |
Imakhishithi ezaliswe ngokupheleleyo, kunye neencwadi zeempendulo ezimakishiweyo, ziya kubuyiselwa esikolweni yakuba igqityiwe inkqubo yokumakisha. |
4.5 |
Nayiphi na imibuzo malunga neencwadi zeempendulo ezimakishiweyo mayibhekiswe kumququzeleli wovavanyo wesithili oya kuyiqwalalsela engadlulanga uLwesihlanu we-16 Oktobha 2015. |
5. |
Ukurekhoda nokwenza iripoti (Recording and reporting) |
5.1 |
Amanqaku aya kurekhodwa kumaziko okumakishela. |
5.2 |
Iripoti yomfundi ye-ANA (ANA learner report) iya kufumaneka kwiCEMIS ngokukhawuleza njengoko iziphumo ze-ANA zikhutshwa liSebe leMfundo esiSiseko (DBE). |
6. |
Inkqubo yezikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente okanye yezo zingaxhaswayo ngemali ngurhulumente yokufumana amaphepha ovavanyo ee-ANA.
Iimvavanyo ze-ANA ziya kufumaneka kwiziko lewebhu loVavanyo leGET emva kokubhalwa kwe-ANA zango-2015 ungadlulanga uMvulo we-21 Septemba 2015.
Ukufikelela kwiziko lewebhu ukufumana iimvavanyo zee-ANA zango-2015, kucelwa ulandele le linki:
http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/ uze
uklikhe ku-"Assessment Management",
ukhethe u-"GET Assessment" kwi-drop-down list,
uklikhe ku-"Annual National Assessments", uze
uklikhe ku-"Annual National Assessments 2015". |
7. |
Ziyacelwa iinqununu zezikolo ezizimeleyo ukuba zikuqaphele okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane nokuba zazise ootitshala nabafundi abachaphazelekayo ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:01
|
 |