1. |
Zazazisiwe izikolo ngeSetyhula 0008/2015 ka-2015 ukuba iiMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke (ANA) ziza kubhalwa ukususela kwi-15 ukuya kwi-18 Septemba 2015 ngabafundi bamaBakala 1-9 kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo ezithile zemfundo eneemfuno ezizodwa. Kwizikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente (state funded independent schools), kuphela liBakala 3 okanye iBakala 6 eliya kubhala ii-ANA, nokuba leliphi na ibakala elifundiswayo esikolweni elilelona liphezulu. |
2. |
Injongo yale ngcaciso imfutshane kukucacisa amalungiselelo okulawulwa, ukubhalwa nokumakishwa kwee-ANA. Ukungaphumeleli ukulandela mbo le migqaliselo kuya kuba neziphumo zokuba kuqhutywe uphando ngezitenxo zee-ANA. |
3. |
IsiHlomelo A siqulethe iinkqubo emazilandelwe phambi, ngethuba lokubhalwa nasemva kokubhalwa kwee-ANA. Kucelwa uyiqaphele imihla echazwe kwesi sihlomelo. |
4. |
IsiHlomelo B yi-Teacher Guide to the Annual National Assessment yaye masinikwe ootitshala ubuncinane kwiveki enye phambi kokuqala kwee-ANA. |
5. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqhubeka nokuthembela kwinkxaso yenu ekuqinisekiseni ukuba ii-ANA ziqhutywa ngentembeko elufaneleyo uvavanyo lukazwelonke. |
6. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:09:01
|
 |