1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0009/2015: Iphepha lemibuzo elingumzekelo loNcwadi lweMveli (Folklore) lemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) kwiBakala 12 ngoNovemba 2015.
2. Le ngcaciso imfutshane inika ingcaciso eyongezelelweyo ngovavanyo lwekhomponenti yoNcwadi lweMveli (Folklore component) yephepha lemibuzo leBakala 12 ukulungiselea uviwo lweNSC lwango-2015 nebingafakwanga kwiNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0009/2015.
3. Kwiphepha lemibuzo yoviwo lweNSC, abafundi bakhethiswa ukuphendula INOVELI okanye ikhomponenti yoNCWADI LWEMVELI kwiCandelo B nenamanqaku ayi-25 ewonke.
4. Njengoko kuchaziwe kwingcaciso emfutshane, olu didi loncwadi (genre) lweMveli lwenzelwe iiLwimi zeeNkobe zase-Afrika (African Home Languages) yaye kokokuqala ngqa lubandakanywa kunyaka wokufunda ka-2015.
5. Apha kuqhotyoshelwe esi siHlomelo A sinika ingcaciso engaphezulu ngovavanyo loncwadi lweMveli nesiHlomelo B – esibonisa indlela iphepha lemibuzo elime ngayo (layout) kwiimviwo zangoNovemba 2015 nangoMatshi 2016.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beeLwimi zeeNkobe zase-Afrika ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:08:21

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 162 KB)
"IsiHlomelo B"  (ubukhulu: 821 KB)