Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20150730-1845
14/3/2
IMIBUZO:   R vd Horst    IFONI:   021 467 2991  IFEKSI:   021 467 9370

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOVAVANYO:  0013/2015


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA-BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUBAQUQUZELELI BEGET, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACWANGCISI BEZEKHARITYHULAM ABAKHULU BE-GET, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM NAKWIINTLOKO ZEZIKOLO EZIYA KUBA ZIBHALA II-ANA KUMABAKALA 7 NELE-8


 

UKUTHUNYELWA KWEMIBUZO NEE MEMORANDUM EZIYIMIZEKELO YEEMVAVANYO ZONYAKA ZIKAZWELONKE (ANNUAL NATIONAL ASSESSMENT EXEMPLAR TESTS AND MEMORANDA (ANA)) KUMABAKALA 7 NELE-8 NGO-2015


1. Ii-Annual National Assessments (ANA) zicwangciselwe ukubhalwa ngamaBakala 1 - 9 ukususelsa nge-15 ukuya kwi-18 Septemba 2015 zizo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo, izikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente nezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezithile.
2. ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) livelise imibuzo eyimizekelo (exemplar questions) yama Bakala 7 nele 8 ngo-2015 nengqinelaniswe neNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) yesiNgesi uLwimi lweeNkobe, isiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe neMathematika.
3. Iindidi zemibuzo eyimizekolo kwisifundo nakwibakala ngalinye zikwabonisa umhlaba omawufikelelwe yikhontenti yesifundo ukulungiselela ii-ANA zango-2015.
4. Ukufumana imibuzo eyimizekelo kwiziko lewebhu, yiya ku: http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/ uze
uklikhe ku- "Assessment Management",
khetha u-"GET Assessment" kwi-drop-down list,
klikha ku-"Annual National Assessments",
klikha ku-"Annual National Assessments 2015" uze emva koko
uklikhe ku- "ANA 2015 Exemplars".
5. Imizekelo yebaka 7 nele-8 ziyafumeneka kwiziko lewebhu yeSebe leMfundo esiSiseko yiya ku: www.education.gov.za). Uye ku Assessment, "ANAs", "2015 ANA Exemplars".
6. Kulindeleke ukuba abacwangcisi bekharityhulam abakhulu nabacebisi ngezekharityhulam babancedise ootitshala ekusebenziseni imibuzo eyimizekelo ukuphucula ukuzithemba kwabafundi ekubhaleni kwabo ii-ANA.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala boLwimi neMathematika beBakala le 7 nele -8 kunye neeNtloko zeSifundo abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:08:11


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe