1. ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe i-DBE) linqwenela ukuba nithathele ingqalelo iinkqubo ekufuneka zilandelwe ngokuthe ngqo ngethuba lokuqhutywa kweemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka ze-Design ne-Visual Arts.
2. Amaphepha emibuzo ka-2015 eemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka e-Design ne-Visual Arts (Design Paper 2 and Practical and Visual Arts Paper 2) aya kuba nala macandelo mabini alandelayo:

Section A: Source Book or Workbook
Section B: The Artwork or Product

3. Izikolo namaziko ezobugcisa makaqinisekise ukuba bonke abaviwa abenza i-Design kunye/okanye iVisual Arts banephepha lemibuzo njengangoku ukwenzela ukubanika ithuba lokufumana ingcaciso ngeCandelo A lephepha lemibuzo. Abaviwa mabasayine irejista bakunikwa iphepha lemibuzo.
4. Ngethuba leKota 3, abaviwa mabagqibe uphando (research) olwaneleyo baqokelele kwaye badibanise zonke izinto ezifanelekileyo (appropriate material) zokulungiselela iCandelo A lephepha lemibuzo yomviwo. ICandelo A lingaqhutywa nokuba kungethuba lokufundisa okanye emva kweeyure zesikolo.
5. ICandelo A loviwo lwepraktikhali maligqitywe ngaphambi kokuqala iCandelo B loviwo lwepraktikhali.
6. ICandelo B malibe seligqityiwe nge-16 Oktobha 2015
7. ICandelo B loviwo lwepraktikhali maligqitywe kwindawo yokubhalela uviwo kwaye ngethuba lokufundisa eliqhelekileyo, yaye kungabi ngexesha lasemva kweeyure zesikolo okanye ngeempela-veki. Kucetyiswa ukuba kulungiselelwe iiseshoni ezithatha ithuba elide eliziiyure ezi-4 - 6 kwenziwe oku iintsuku eziliqela, bade bonke abaviwa babe bawugqibile umsebenzi wabo wobugcisa (artwork) okanye isiveliso sabo (product), okanye zide zibe ziphelile iiyure ezinga-24 ezabelwe lo msebenzi. Makwenziwe amalungiselelo angaphakathi kwisikolo ngasinye okanye kwiziko ngalinye ukwenzela ukulungiselela imisebenzi yezifundo zobugcisa enokufunwa likhondo elithile lezobugcisa, umz. eleesiramikhi (ceramics).
8. Makugadwe ngokungqongqo ngutitshala we-Design kunye/okanye we-Visual Arts kunye/okanye abagadi babaviwa ngethuba lokuqhutywa koviwo.
9. Mabangaze abaviwa bashiywe bebodwa xa besenza iCandelo B, kwaye mabangaze bavunyelwe bagoduke nemisebenzi yobugcisa okanye nesiveliso esingagqitywanga. Yonke imisebenzi yobugcisa okanye isiveliso sawo esingagqitywanga masigcinwe esikolweni de kube yiseshoni elandelayo ebhalwe kwithayimthebhile.
10. Zonke izikolo okanye amaziko afundisa i-Design kunye/okanye i-Visual Arts ukuba zingenise iithayimthebhile zalo zokwenziwa kweCandelo B kuMququzeleli woVavanyo weSithili sakhe ungadlulanga umhla we-14 Agasti 2015. UMququzeleli woVavanyo weSithili yena uyakuthi akuzifumana ezi thayimthebhile azithumele ngqo kuMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu we-Design ne-Visual Arts apha kule dilesi ye-imeyili Leon.Buchner@westerncape.gov.za phambi komhla we-18 Agasti 2015. Kuya kuthi ke emva koko kwenziwe ishedyuli yokubeka esweni ezi mviwo zepraktikhali, esekelwe kwiithayimthebhile ezingeniswe zizikolo nangamaziko.
11. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kunye neDBE aya kuthi kwakhona abeke esweni ukubhalwa kwezi mviwo zepraktikhali. Ngako oko ke, ukwenzela ukuba lamaSebe mabini alungiselele iinkqubo zawo zokubeka esweni iimviwo, ithayimthebhile edibanisa zonke iithayimthebhile zezikolo nezamaziko (consolidated timetable for schoosl and centres) yokubhalwa kweemviwo zepraktikhali zeCandelo B le-Design ne-Visual Arts eNtshona Koloni, iya kuthunyelwa kwiSebe i-DBE nguMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu.
12. ISebe iWCED liya kucwangcisa imihla yokumakisha nokumodareyitha, ukuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi wepraktikhali umakishwa uze umodareyithwe ungadlulanga owe-13 Novemba 2015.
13. kuba kukho nayiphi na imibuzo engokuqhutywa kweemviwo zepraktikhali zokuphela konyaka ze-Design ne-Visual Arts, loo mibuzo mayithunyelwe kuMnu Leon Buchner kule dilesi ye-imeyili Leon.Buchner@westerncape.gov.za
14. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:07:22