1. I-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate Examination of May 2014, yenza sibonelelo samanqaku okupasa okugqibela kuLwazi ngezoBomi ngokusekelwe kuvavanyo lwangaphakathi, nekufuneka kumodareyithwe ngaphandle, kwakunye nomsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo osekelwe kuvavanyo lwangaphakathi, ekufuneka ukuba usetwe ngaphandle, kunye nomsebenzi wovavanyo okumgangatho ofanayo (CAT) osetwa uze umodareyithwe ngaphandle.

2. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa izikolo ngenkqubo eya kulandelwa ukulawula iCAT yesifundo soLwazi ngezoBomi.

3. Ukubhalwa kweCAT yeLO
3.1 I-CAT yeLO iyinxalenye yamanqaku okupasa okuphela konyaka kwiBakala 12 kwaye ngoko ke zonke izikolo kufuneka zilubhale olu vavanyo.
3.2 Umhla wokubhalwa kweCAT ngowe-04 Septemba 2015, ukuqala ngo-09:00 – 11:00. Nakuphi na ukutenxa kulo mhla nakwixesha elibekiweyo kuya kuthathwa njengesitenxo esixhomis’ amehlo (as a serious irregularity).
3.3 I-CAT yeLO iya kuba nephepha eliziiyure ezimbini (2) elinamanqaku ayi-80 ewonke. Iya kuthatha indawo yoMsebenzi 4 kwiKota 3 kwaye iya kwenza i-20% yamanqaku okuphela konyaka (final mark) eLO.
3.4 IWCED iya kuprinta amaphepha emibuzo eCAT yeLO abo bonke abafundi abakwiphondo ngokungqinelana nedatha yokubhalisa yokugqibela (final registration data) njengoko kubonisiweyo kwiCentralised Education Management Information System) (CEMIS) lize liwathumele kuzo zonke izikolo ezifundisa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC)).
3.5 Iinqununu mazithi, zakuba nje ziwafumene amaphepha emibuzo, zithathe uxanduva olupheleleyo njengamaGosa oViwo aziiNtloko (Chief Examination Officers) ukuqinisekisa ukuba yonke imiqathango nemigaqo enxulumene noviwo lweNSC iyalandelwa.
3.6 Iinqununu mazivule imvulophu ngomhla woviwo bekho abafundi zize zibeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
3.7 Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bahlala bebagadile abafundi ngexesha lokubhalwa kweCAT yeLO.
3.8 Emva kokubhalwa kweCAT, amaphepha eempendulo makafakwe kwibhegi ekubonelelwe ngayo aze agcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kude kuqalise inkqubo yokumakisha.

4. Iingxoxo ngesikhokelo sokumakisha
4.1 Iingxoxo ngesikhokelo sokumakisha zikazwelonke nezephondo ziya kuqhubeka ukusuka kowe-9-10 Septemba 2015.
4.2 Izikolo ziya kunikwa isikhokelo sokumakisha sokugqibela (final marking guidelines) ungadlulanga owe-15 Septemba 2015 aze amaphepha eempendulo akhutshwe kwigumbi elinqatyisiweyo kuphela ngomhla ekuqalisa ngawo ukumakisha.

5. Ukumakishwa kweCAT yeLO
5.1 Ukumakishwa kweCAT makuqhutyelwe esikolweni phantsi kweliso lenqununu, apho utitshala oneqhuzu (senior teacher) okanye iNtloko yeCandelo (iHOD) isebenza njengemodareyitha yangaphakathi.
5.2 Inkqubo yokumakisha mayiqale nge-16 Septemba 2015 igqitywe ungadlulanga owama-30 Septemba 2015.
5.3 Apho kukho ootitshala abaninzi abafundisa iLO esikolweni, iinqununu maziqinisekise ukuba ootitshala abawamakishi amaphepha eempendulo zabafundi babo.

6. Ukumodareyithwa kobungqina babafundi
6.1 Ubuncinane yi-10% yamaphepha eempendulo emayimodareyithwe ngutitshala oneqhuzu okanye yiHOD.
6.2 UMcebisi ngezeKharityhulam weLO makamodareyithe iisampula zamaphepha eempendulo ezikolo ezikhethiweyo.
6.3 Inkqubo yokumodareyitha yephondo nekazwelonke yeCAT yeLO iya kuqhubeka ngo-Oktobha 2015.

7. Ukufakwa ekhompyutheni kwamanqaku eCAT eLO
7.1 Imakhishithi eyodwa iya kuthunyelwa ezikolweni ngeenjongo zokurekhoda amanqaku eCAT eLO. Le makhishithi iya kongezelela kwimakhishithi yesiqhelo ekhutshelwe i-LO.
7.2 Imakhishithi yeCAT mayithunyelwe kwiWCED kunye nezinye iimakhishithi zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school based assessment mark sheets).

8. Kucelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

9. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala nabafundi besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:07:17