1. Uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) lwaqhutywa okokuqala ngqa ngokweeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) ngo-2014.
2. Kucelwa uqaphele ukuba isikhokelo soviwo kwizifundo ezibini, ekuzezi i-Dance Studies ne-Business Studies, sifakelwe izilungiso ukwenzela ukuba kunikwe inkcazo ecace ngokungaphezulu kwanokuba kuncediswe ootitshala ekulungiseleleni abaviwa xa bebhala iimviwo zabo. Iingxelo ezenziwa emva kokumakishwa kweemviwo zangoNovemba 2014 zabonisa ukuba kukho izinto ezininzi ezashiyekayo (several omissions) kwisikhokelo soviwo sika-2014, nezibangele ukuba kufakelwe ezi zilungiso.
3. Siqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane isikhokelo soviwo esifakelwe izilungiso se-Dance Studies ne-Business Studies. Isikhokelo soviwo sika-2015 kwezi zifundo, siya kuthatha indawo yesikhokelo sika-2014.
4. Isikhokelo soviwo siya kwenziwa sifumaneke kweli ziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED): http://wcedonline.pgwc.gov.za
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso kootitshala nakubaviwa beBakala 12 be-Dance Studies ne-Business Studies, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:05:08

"Dance Studies Examination Guidelines Grade 12 2015"  (ubukhulu: 133 KB)
"Business Studies Examination Guidelines Grade 12 2015"  (ubukhulu: 126 KB)