1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) iya kuba iqhuba iikhosi zophuhliso lootitshala kwakhona, iinkomfa neesemina zeenqununu, zamasekela-nqununu, zeentloko zezifundo nezootitshala ngethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo ngo-2016.

2. Zonke iikhosi eziya kuqhutywa yi-CTLI ngo-2016 ziya kwenziwa zifumaneke kwiziko lewebhu le-CTLI: www.wcedctli.co.za

3. Ootitshala abanomdla wokuya kwezi khosi mababhalise kwiziko lewebhu.

4. Abasebenzisi (users) ababhalisileyo banokuklikha kwilinki engu-"Sign in" kwikhasi ihome page baze bangene (sign in) besebenzisa i-username okanye i-dilesi ye-imeyili ne-password, ukubhalisela (sign up) ezi khosi.

5. Abasebenzisi abaqalayo banokubhalisa ngolu hlobo lulandelayo:
5.1 Klikha kule linki "Register here" neya kukusa kwikhasi u-"Sign in" okanye "Register here".
5.2 La macandelo alandelayo makazaliswe:

  • I-username: zenzele i-username oya kuyisebenza ngalo lonke ixesha ungena (log in) kwikhasi i-CTLI webpage.
  • Idilesi ye-imeyili esebenzayo /esemthethweni: faka i-dilesi ye-imeyili esebenzayo nesemthethweni. Ukuba akunayo idilesi ye-imeyili esebenzayo, kufuneka wenze enye phambi kokuba udlulele phambili. Idilesi ye-imeyili ifunelwa iinjongo zonxibelelwano.
  • I-Password: yifake okanye uzenzele i-password yakho.
  • Ngqinisisa i-password yakho.
  • Ngqinisisa ukuba ungumntu ngokwenene (human visitor) ngokurhuqa (drag) imilo echanekileyo ezantsi kwelo khasi kwindawo eyi-"drop area" engwevu (oku kukuqinisekisa ukuba oku akulolinge lokufumana ngobuqhetseba iinkcukacha zabantu kwikhompyutha (computer generated phishing attempt).
  • Klikha ku-"create a new account".
5.3 Wakuba uklikhe ku-"create a new account", kuvela esi sikrini silandelayo "Let’s confirm your email address".
5.4 Emva koko uvula i-imeyili yakho uze ungqinisise i-akhawunti ye-imeyili yakho ngokulandela le miyalelo ithunyelwe kuwe malunga neenkcukacha ze-akhawunti yakho e-CTLI. Klikha kwilinki yokuqala kumyalezo oya kukusa kwikhasi "Edit your profile".
5.5 Yenza iprofayili epheleleyo ngokufaka iinkcukacha zakho apha "Personal and Work Information".
5.6 Emva koko klikha ku-"Submit" yaye iprofayili yakho buqu iya kuhlaziywa kwisistim.
5.7 Wakuba wenze iprofayili yakho, jonga zonke iikhosi eziqhutywa eCTLI uze ubhalisele ikhosi/iikhosi onqwenela ukuya kuzo.
5.8 Emva koko faka isicelo sakho.

6. Isicelo sakho siya kujongisiswa ngamagosa ezithili, sivunywe okanye sikhatywe ngumlawuli wesithili yaye ukuthathwa kwesigqibo sokugqibela ngumququzeleli weprogram we-CTLI kuya kuba semva kokusayinelwa kwazo sisithili.

7. Ngalo lonke ithuba lokuqhubeka kwale nkqubo uya kufumana ii-meyili ezikwazisa ngemeko yesicelo sakho. Usenako ukungena (log in) kwisistim uze utshekishe imeko yesicelo sakho kwikhasi i-history page.

8. Nangona le miyalelo ibonakala intsonkothile, isistim yenzelwe ukuba kube lula ukuyisebenzisa nokuba ukwazi ukulandela imiyalelo kwisistim ngokulula. Nangona kunjalo, ukuba kunokwenzeka uxinge; unokuqhagamshelana no-Nks Phelokazi Tutani kule nombolo yefoni 021 900 5024 okanye i-imeyili phelokazi.tutani@westerncape.gov.za, ukuze ufumane uncedo.

9. Ikhosi nganye kwisistim iya kubonisa ixesha elingqiweyo (window period) kwizicelo zalo khosi yaye uyacetyiswa ukuba ufake isicelo ngethuba elimiselweyo.

10. Ukubhalisela iisemina, iinkomfa, namaphulo ongenelelo ngoncedo ngeeholide zezikolo neempelaveki, makuthunyelwe kuMququzeleli we Program we-CTLI ngqo.

11. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqesha ootitshala abambeleyo kangangelo thuba lokuqhutywa kweekhosi zeCTLI ekuye kuzo ootitshala abasezikhundleni ngethuba leekota zesikolo ngokuxhomekeke ekubeni:

  • akukho titshala ungaphezu kwemfuneko (no teacher is in excess) kwisikolo eso;
  • utitshala osesikhundleni akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
  • utitshala osesikhundleni akasele embambele omnye utitshala.
12. Ngumsebenzi wesikolo ukufuna nokutyumba utitshala ofanelekileyo onako ukubambela omnye osekhosini.

13. Ngootitshala abayi-50 kuphela abanokubhalisela ikhosi nganye kwezi khosi zifundiswa ngethuba lekota yesikolo.

14. Ukufumana ingcaciso malunga namaphulo ongenelelo ngoncedo eCTLI ngo-2016, kucelwa ungathandabuzi uqhagamshelana nomnye waba Baququzeleli beProgram zeCTLI balandelayo:

  • Gavin de Bruyn, inombolo yefoni 021 900 5062, ifeksi 021 900 5114, i-imeyili gavin.debruyn@westerncape.gov.za kuzo zonke iikhosi neesemina ze-School Management and Leadership Development.

  • Magdalena Benn, inombolo yefoni 021 900 5016, ifeksi 086 614 5151, i-imeyili magdelena.benn@westerncape.gov.za kuzo zonke iikhosi zeSigaba seSiseko ne-GET Language Solutions Conference.

  • Natasha Fouche, inombolo yefoni. 021 900 5018, i-imeyili natasha.fouche@westerncape.gov.za kuzo zonke iikhosi zeSigaba esiPhakathi neSigaba saBadala neNkomfa yeZisombululo zeMathematika yeGET (GET Mathematics Solutions Conference).

  • Christo Davids, inombolo yefoni. 021 900 5056, ifeksi 086 731 6833, i-imeyili christo.davids2@westerncape.gov.za kuwo onke amaphulo ongenelelo ngoncedo lwe-ICT Intregation.
15. Kucelwa wazise bonke otitshala ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane khonukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:10:08