Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20150807-2141
13/16/8/B
IMIBUZO:   M Benn    IFONI:   021 900 5000  IFEKSI:   021 900 5027

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO I-CAPE TEACHING AND LEADERSHIP INSTITUTE:  0006/2015


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINTLOKO ZAMACANDELO NAMACANDELWANA AKWANDLUNKULU, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEZE-IMG NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO


 

INKOMFA YEZISOMBULULO ZOLWIMI YEPHONDO YAQHO NGONYAKA – NGE-06 NANGE-07 OKTOBHA 2015


1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema ootitshala beeLwimi bamaBakala R – 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zoLwimi nokuba ngaba beza njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye bengabathathi-nxaxheba.

2. Injongo

Injongo yeNkomfa yeziSombululo zoLwimi kukunika imizekelo yeendlela ekunokufundiswa ngayo ulwimi ngempumelelo.


3. Umhla, ixesha nendawo eya kuqhubekela kuyo inkomfa

Le nkomfa iya kuqhubeka ngoLwesibini, we-06 Oktobha 2015, ukuqala ngo-08:00 kuye ku-15:00, ukuze ngoLwesithathu, we-07 Oktobha 2015, iqale ngo-08:00 ukuya ku-14:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, eNew Nooiensfontein Road, eKuils River.


4. Ingcaciso eyenzelwe abo baza kwenza inkcazo-ntetho
4.1 Ootitshala abanomdla ekwenzeni inkcazo-ntetho kwisifundo soLwimi okanye iphepha elimalunga "neyona ndlela ibhetele yokufundisa uLwimi eklasini" ("best classroom practice") kwinkomfa mabakhokelwe koku kulandelayo:

  • Isifundo, iphepha okanye umasifundisane omalunga "Nendlela endiyisebenzisayo yokufundisa" masisekelwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo kaZwelonke (National Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) kumaBakala R - 12.

  • Isifundo eso masifundise umba wekharityhulam yoLwimi webakala elithile.

  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mababandakanyeke kwisifundo okanye kumasifundisane, oko kukuthi, makwenziwe inkcazo-ntetho ngendlela ekhuthaza ubandakanyeko lwabanye.

  • Ixesha eliya kuthathwa: yimizuzu eyi-60. Nika imizuzu eyi-5 ukuya ku-10 yeengxoxo zamaqela okanye yemibuzo.

  • Indawo nganye ekuya kuqhutyelwa kuyo iindibano iya kuba nedatha projektha, i-interactive whiteboard, kunye ne-flipchart stand enephepha. Ifanitshala yendawo iya kulungiselelwa ukuququzelela iinkcazo-ntetho zabathathi-nxaxheba abayi-30 ubuninzi kwindawo nganye.

  • Abenzi benkcazo-ntetho mabalungise baze bangenise zonke iiwekhishithi zenkomfa yeCTLI. Zonke iiwekhishithi ziya kuqokelelwa zize ziprintwe zibe kuhlobo lwencwadi. Oku kuthetha ukuba abenzi benkcazo-ntetho abasayi kufuneka ukuba bazise iikopi ezingaphezulu zezinto zokufunda eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba kuye kwafuneka ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi. Umhla osikelwe ukungeniswa kweewekhishithi kwi-CTLI ziiveki ezintlanu phambi kokuba iqale inkomfa, ngowe-04 Septemba 2015.

  • Ukuba kunokwenzeka, zonke izinto zokufunda mazitayitshwe zize zithunyelwe nge-imeyili. I-CTLI iya kwenza iikopi zezo zinto zokufunda.
4.2 Le nkomfa kwakhona ikhangela abenzi benkcazo-ntetho abanokwabelana kunye nabathathi-nxaxheba "ngezona ndlela zibhetele zokufundisa" ekusetyenzisweni kwengcaciso nonxibelelwano nethekhinoloji ekufundeni nasekufundisweni koLwimi eklasini, ngokunjalo nemizekelo enokusebenziseka yeendlela apho uLwimi (isi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa) zinokusetyenziswa ngempumelelo khona kwiklasi enabafundi abahlukeneyo ngobuchule bokulandela izifundo.
4.3 Ukuba unomdla wokwenza inkcazo-ntetho kwinkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A uze usibuyisele kuNks M. Benn kule nombolo yefeksi 086 614 5151 okanye kule dilesi ye-imeyili Magdelena.Benn@westerncape.gov.za engadlulanga uLwesihlanu, we-04 Septemba 2015.

5. Ingcaciso eyenzelwe abathathi-nxaxheba
5.1 Kucelwa ootitshala abanqwenela ukuya kule nkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kwifom yokubhalisa kwisiHlomelo B.
5.2 Makubuyiselwe isiHlomelo B esesizalisiwe kule dilesi ye-imeyili kuNks N. Salukazana kule dilesi ye-imeyili Nomsa.Salukazana@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefeksi 021 900 5013 /5027 / 5162 / 086 614 5559 engadlulanga uLwesihlanu, we-4 Septemba 2015.
5.3 Ubhaliso luya kuvala nje ukuba abathathi-nxaxheba abayi-300 babhalise.

6. Amalungiselelo

Abathathi-nxaxheba okanye abenzi benkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo ngalunye lokuya nokubuya banokulala kwindawo eyenzelwe oko e-Cape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangoMvulo, we-05 Oktobha 2015 nangoLwesibini, we-06 Oktobha 2015.


7. I-CTLI iyathemba ukuba le nkomfa iya kuba lulutho kakhulu kubo bonke ootitshala beeLwimi abayayo kuyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:08:17


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: IFOM YOMENZI WENKCAZO-NTETHO  (ubukhulu: 16 KB)
IsiHlomelo B: IFOM YOBHALISO LOMTHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 35 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe