1. |
AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo nemigangatho exhomileyo yokufundisa kwaye anika abo bakwinkonzo yezemfundo ithuba lokuvuyela impumelelo yootitshala abamsebenzi utshatshele ngokukodwa. Ngaphezulu, akwabonisa umsebenzi oqaqambe ngokukodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi. |
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), ngako oko ke, linebhongo lokuba liza kubamba yaye liququzelele itheko lonyaka we-16 lephondo lokunikezelwa kwamabhaso, elandulela itheko loNyaka we-16 lamaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke. |
4. |
Bayacelwa bonke ootitshala, amabhunga olawulo namagosa ezithili zemfundo ukuba bangenise amagama abatyunjwa ngokusekelwe kwiikhrayitheriya ezikwesi Sikhokelo seNgcaciso, kwiinqununu zabo okanye kubaphathi bamaziko abo. |
5. |
Ootitshala abafanele ukuwongwa banokutyunjwa kwezi ndidi zilandelayo:
- UkuTshatshela ekuFundiseni iBakala R
- UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo eziziiPrayimari (AmaBakala 1-7)
- UkuTshatshela ekuFundiseni kwiZikolo eziziiSekondari (AmaBakala 8-12)
- UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo eziziiPrayimari
- UkuTshatshela kuBunkokeli kwiZikolo eziziiSekondari
- UkuTshatshela ekuFundiseni kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa nakwiMfundo eBandakanya bonke aBafundi
- UkuTshatshela kwiThekhinoloji - ukuFundisa okuPhuculweyo neBhaso lokuFundisa
- UkuTshatshela ekuFundiseni iMathematika (GET)
- UkuTshatshela ekuFundiseni iiSayensi zeNdalo (Natural Sciences) (GET)
- IBhaso leMpumelelo kwezeMfundo ngeXesha lonke lokuPhila
|
6. |
Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba bazithumele iifom ezinamgama abatyunjiweyo ezizaliswe ngokupheleleyo kwii-ofisi zezithili zazo ukulungiselela ukuba ziqwalaselwe ngabaququzeleli bezithili. Ukuba ufuna ingcaciso eyongezelelweyo, kucelwa uqhagamshelane nomququzeleli wesithili ochaphazelekayo nodweliswe apha ngezantsi:
|
7. |
Kucelwa niqwalasele ezi zicatshulwa zilandelayo kwisikhokelo sokutyumba abafanelekileyo:
- Inqununu/usihlalo wekomiti yokutyumba amagama afanelekileyo makaququzelele intlanganiso yokutyumba amagama afanelekileyo neya kudibanisa iBhunga loLawulo leSikolo (SGB) ukwenzela ukuxoxa ngenkqubo yokutyumba amagama. (The principal/chairperson of the nomination team must organise a nomination meeting that would include the School Governing Body (SGB) to discuss the nomination process.)
- Ootitshala namalungu eSGB esikolo mabafundisise iimfuno ezimiselweyo zeekhrayitheriya kudidi ngalunye baze benze uluhlu lweempawu okanye lwezinto eziqaqambileyo ezihambelana nezo khrayitheriya zithile zinikiweyo kwabo baza kutyunjwa. (The staff and the SGB members of the school must study the criteria requirements of each category and draw up attributes or qualities that would match their nominees with particular given criteria.)
- Bakuba betyunjiwe ootitshala abafanelekileyo/amaqela afanelekileyo, amagama abo makabhalwe kwii-Nomination Forms ezibonelelweyo. (Once suitable teachers/teams have been nominated, their names must be filled in on the Nomination Forms provided.)
- Amagosa esithili/engingqi anokutyumba nawo amagama ngokubhungisana nesitraktsha solawulo lwesikolo. (District/Regional officials may also nominate in consultation with the school governance structure.)
|
8. |
Ngootitshala abahlanu abona baninzi abanokwenza ikomiti yodidi ngalunye. |
9. |
Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwazo zonke iifom zamagama atyunjiweyo ngabaququzeleli bezithili zemfundo ngowe-31 Julayi 2015. |
10. |
Abo bafikelele kumjikelo wokugqibela (finalists) kwizikolo ezisebenzisanayo (cluster) nakwiphondo (abaphume phambili nabaphume isibini (winners and runners-up) baya kufumana umntu ngamnye iivawutsha ze-Information and Communication Technology (ICT) zamaxabiso ahlukeneyo emakuthengwe ngazo izinto kumboneleli-nkonzo ze-ICT owaziwayo (reputable ICT service provider), ekuzezi:
Inqanaba |
Ixabiso le-ICT Voucher |
Abaphume phambili kwizikolo ezisebenzisanayo |
R 4 000 |
Abaphume kwindawo yesibini neyesithathu (2nd & 3rd) |
R 2 000 |
Abaphume phambili kwiphondo |
R12 000 |
Abaphume kwindawo yesibini kwiphondo |
R 7 000 |
|
11. |
Ukongeza, ngasinye isikolo kweziphumeleleyo siya kufumana ibhaso eliyimali eyi-R 5 000 (kwizikolo ezisebenzisanayo) ne-R 7 500 (kwiphondo) isikolo ngasinye ngalowo uphume phambili, nemayisetyenziselwe ukuphucula umgangatho womsebenzi wokufundisa kootitshala abafundisayo ukwenzelwa ukuphucula indlela yokufundisa eklasini. |
12. |
AmaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke axhaswa yiNtloko yeSebe leMfundo, yimibutho yabasebenzi, yimibutho yamabhunga olawulo nanguMphathiswa wePhondo ophathiswe ezeMfundo. |
13. |
Ayakhuthazwa onke amalungu angabahlali besikolo (school community) ukuba athathe inxaxheba ekutyumbeni ootitshala abafanele ukungenela amaBhaso okuWonga ooTitshala kaZwelonke. |
14. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abafundisayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:06:24
|
 |