1. INgcaciso eMfutshane yeCandelo le-Cape Teaching and Leadership Minute 0003/2013 ifundeka ngolu hlobo lulandelayo.
2. Inkqubo yoqeqesho i-Continuing Professional Teacher Development Management System (CPTDMS) yachazwa kwi-National Policy Framework on Teacher Education and Development, yafakwa kwigazethi nge-26 Apreli 2007.
3. IBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (SACE), ngentsebenziswano neSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke, amasebe emfundo amaphondo kunye nemibutho yootitshala kwiphondo, banike uqeqesho ngempumelelo baze babhalisa iqela labasebenzi abangoogxa boku-1 (signed-up cohort 1) (iinqununu namasekela nqununu) besi-2 (iintloko zecandelo) ukusukela ukuba yaqaliswayo i-CPTDMS ngo-2013.
4. Iqela labasebenzi abangoogxa boku-1 (cohort 1) (iinqununu namasekela nqununu) baye baqalisa ngomjikelo wophuhliso ngezomsebenzi ukusuka kowe-01 Januwari 2014 kwaye ngoku bakunyaka wabo wesibini womjikelo weminyaka emithathu.
5. Iqela labasebenzi abangoogxa besi-2 (iintloko zecandelo) baqalise ngomjikelo wabo wophuhliso lwabasebenzi ukusuka kowe-01 Januwari 2015 yaye ngoku bakunyaka wokuqala womjikelo wabo weminyaka emithathu.
6. Ngokungqinelana nesigqibo seSACE, iNtloko yeSebe leMfundo ikuvumile ukuqaliswa kwe-CPTDM yootitshala benqanaba lesithuba 1 kwithuba leminyaka emibini, o.k.t. 2015-2016.
7. Ekulungiseleleni ukuqalisa kootitshala benqanaba lesithuba 1 kumjikelo wokuqala, iSebe leMfundo leNtshona Koloni, ngentsebenziswano neSACE kunye nemibutho yootitshala, baya kubonelela ngoqeqesho kunye neeseshoni zobhaliso lootitshala benqanaba lesithuba 1 ngokulandela le shedyuli ilapha ngezantsi:

Iqela ekujoliswe kulo Uqeqesho nobhaliso Ukuqala komjikelo 1
Ootitshala bezithuba zenqanaba 1:

  1. Kwizikolo eziziisekondari; kunye
  2. Nakwizikolo ii-combined schools.
Juni 2015 – Oktobha 2015 01 Januwari 2016
Ootitshala bezithuba zenqanaba 1:

  1. Kwizikolo eziziiprayimari;
  2. Kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa;
  3. Iisayikholojisti neetheraphisti eziqeshwe ezikolweni ngokoMthetho weNgqesho yooTitshala (Employment of Educators Act), ka-1998; kunye
  4. Nootitshala abaneemfuno zemfundo ezizodwa.
Januwari – Oktobha 2016 01 Januwari 2017
8. Iinkcukacha zeeseshoni zoqeqesho nobhaliso lootitshala bezithuba zenqanaba 1 ziya kwaziswa kwizikolo oko kusenziwa zii-ofisi zezithili.
9. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:06:24

"Employment of Educators Act, 1998"  (ubukhulu: 160 KB)