1. I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema ootitshala beSigaba seSiseko (iBakala R – 3) ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa engoKwahlukanisa iKharityhulam nokuba beza njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye abathathi-nxaxheba.

2. Injongo

Injongo yeNkomfa engoKwahlukanisa iKharityhulam kukunika imizekelo enokusebenziseka yeendlela apho uLwimi (isiAfrikansi, isiNgesi nesiXhosa) neMathematika zinokufundiswa ngempumelelo khona kwiklasi enabafundi abahlukeneyo ngobuchule bokulandela izifundo. Kuya kwenziwa isikhokelo sokucwangcisa izifundo ukwenzela abafundi abakumanqanaba ahlukeneyo obuchule, iindlela zokufundisa ezahlukeneyo, indawo ekufundelwa kuyo kwanovavanyo oluya kwenziwa ukunceda abafundi bona bafunda bekumanqanaba ahlukeneyo.


3. Umhla, ixesha nendawo eya kuqhubekela kuyo inkomfa

Le nkomfa iya kuqhubeka ngoMvulo, we-29 Juni 2015, ukuqala ngo-08:00 – 15:00, ize ngoLwesibini, we-30 Juni 2015, iqale ngo-08:00 – 13:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, eNooiensfontein Rd, eKuils River.


4. Ingcaciso eyenzelwe abaya kwenza inkcazo-ntetho
4.1 Ootitshala abanomdla ekwenzeni inkcazo-ntetho kwisifundo soLwimi (sesiAfrikansi, sesiNgesi okanye sesiXhosa) okanye seMathematika okanye iphepha elimalunga "neyona ndlela ingcono yokufundisa eklasini" ("best classroom practice") kwinkomfa mabakhokelwe koku kulandelayo:

  • Isifundo, iphepha okanye umasifundisane omalunga "Nendlela endiyisebenzisayo yokufundisa" masisekelwe kwiiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam neeMvavanyo zikaZwelonke (National Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) amaBakala R - 12.

  • Isifundo eso masifundise umba wekharityhulam woLwimi okanye weMathematika webakala elithile.

  • Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mababandakanyeke kwisifundo okanye kumasifundisane, oko kukuthi, makwenziwe inkcazo-ntetho ngendlela ekhuthaza ubandakanyeko lwabanye.

  • Ixesha eliya kuthathwa: yimizuzu eyi-60. Nika imizuzu eyi-5 - 10 yeengxoxo zamaqela okanye yemibuzo.

  • Indawo nganye ekuya kuqhutyelwa kuyo iindibano iya kuba nedatha projektha, i-interactive whiteboard, kunye ne-flipchart stand enephepha. Ifanitshala yendawo iya kulungiselelwa ukuququzelela iinkcazo-ntetho zabathathi-nxaxheba abayi-30 ubuninzi kwindawo nganye.

  • Abenzi benkcazo-ntetho mabalungise baze bangenise zonke iiwekhishithi zenkomfa yeCTLI. Zonke iiwekhishithi ziya kuqokelelwa zize ziprintwe zibe kuhlobo lwencwadi. Oku kuthetha ukuba abenzi benkcazo-ntetho abasayi kufuneka ukuba bazise iikopi ezingaphezulu zezinto zokufunda eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba kuye kwafuneka ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi. Umhla osikelwe ukungeniswa kweewekhishithi kwi-CTLI ziiveki ezine phambi kokuba iqale inkomfa, ngowe-29 Meyi 2015.

  • Ukuba kunako, zonke izinto zokufunda eziprintiweyo mazitayitshwe zize ziprintwe. I-CTLI iya kwenza iikopi zezo zinto zokufunda.
4.2 Le nkomfa kwakhona ikhangela abenzi benkcazo-ntetho abanokwabelana kunye nabathathi-nxaxheba "ngezona ndlela zingcono zokufundisa" ekusetyenzisweni kweThekhinoloji yeNgcaciso nezoNxibelelwano ekufundeni nasekufundisweni koLwimi okanye kweMathematika eklasini.
4.3 Ukuba unomdla wokwenza inkcazo-ntetho kwinkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A uze usibuyisele kuNks B Khumalo kwifeksi 021 900 5027 / 5162 / 5013 / 086 731 6835 okanye kule dilesi ye-imeyili buhle.khumalo@westerncape.gov.za ungadlulanga uLwesine, we-30 Apreli 2015.

5. Ingcaciso eyenzelwe abathathi-nxaxheba
5.1 Kucelwa ootitshala abanqwenela ukuya kule nkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kwifom yokubhalisa kwisiHlomelo B.
5.2 Makubuyiselwe isiHlomelo B esesizalisiwe kule dilesi ye-imeyili buhle.khumalo@westerncape.gov.za okanye kuNks G Matthews kwidilesi ye-imeyili gaynore.matthews@westerncape.gov.za okanye kwifeksi 021 900 5013 /5027 / 5162 / 086 601 4232 ngoLwesihlanu, 08 Meyi 2015.
5.3 Ubhaliso luya kuvala nje ukuba abathathi-nxaxheba abayi-200 babhalise.

6. Amalungiselelo

Abathathi-nxaxheba okanye abenzi benkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo ngalunye olubuyayo banokulala kwindawo eyenzelwe oko e-Cape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangeCawa, ngowe-28 Juni 2015 nangoMvulo, wowe-29 Juni 2015.


7. I-CTLI iyathemba ukuba le nkomfa iya kuba lulutho kakhulu kubo bonke ootitshala beSigaba seSiseko abayayo kuyo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:13

IsiHlomelo A: IFOM YOMENZI WENKCAZO-NTETHO  (ubukhulu: 10 KB)
IsiHlomelo B: IFOM YOBHALISO LOMTHATHI-NXAXHEBA  (ubukhulu: 18 KB)