ISALANTHISO: | 45842 13/16/8/B |
 | IMIBUZO: | B Khumalo | IFONI: | 021 900 5000 | IFEKSI: | 021 900 5027 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO I-CAPE TEACHING AND LEADERSHIP INSTITUTE: 0002/2015 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINTLOKO ZAMACANDELO KWANDLUNKULU, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEIMG, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEZEIMG NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO ZIKARHULUMENTE EZIQHELEKILEYO |
| INKOMFA YEZISOMBULULO ZEMATHEMATIKA YEPHONDO YAQHO NGONYAKA – NGE-06 NANGE-07 JULAYI 2015 |
1. |
I-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) imema ootitshala beMathematika bamaBakala R – 9 ukuba bathathe inxaxheba kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika nokuba ngaba beza njengabenzi benkcazo-ntetho (presenters) okanye abathathi-nxaxheba. |
2. |
Injongo
Injongo yeNkomfa yeMathematika kukunika imizekelo yeendlela enokufundiswa ngazo iMathematika ngempumelelo. |
3. |
Umhla, ixesha nendawo eya kuqhubekela kuyo inkomfa
Le nkomfa iya kuqhubeka ngoMvulo, we-06 Julayi 2015, ukuqala ngo-08:00 – 15:00, ize ngoLwesibini, we-07 Julayi 2015, iqale ngo-08:00 – 13:00, e-Cape Teaching and Leadership Institute, eNew Nooiensfontein Road, eKuils River. |
4. |
Ingcaciso eyenzelwe abo baza kwenza inkcazo-ntetho |
4.1 |
Ootitshala abanomdla ekwenzeni inkcazo-ntetho kwisifundo seMathematika okanye iphepha elimalunga "neyona ndlela ingcono yokufundisa eklasini" ("best classroom practice") kwinkomfa mabakhokelwe koku kulandelayo:
- Isifundo, iphepha okanye umasifundisane omalunga "Nendlela endiyisebenzisayo yokufundisa" masisekelwe kwiiNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam neeMvavanyo zikaZwelonke (National Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS) amaBakala R - 12.
- Isifundo eso masifundise umba wekharityhulam weMathematika webakala elithile.
- Abathathi-nxaxheba kwinkomfa mababandakanyeke kwisifundo okanye kumasifundisane, oko kukuthi, makwenziwe inkcazo-ntetho ngendlela ekhuthaza ubandakanyeko lwabanye.
- Ixesha eliya kuthathwa: yimizuzu eyi-60. Nika imizuzu eyi-5 - 10 yeengxoxo zamaqela okanye yemibuzo.
- Indawo nganye ekuya kuqhutyelwa kuyo iindibano iya kuba nedatha projektha, i-interactive whiteboard, kunye ne-flipchart stand enephepha. Ifanitshala yendawo iya kulungiselelwa ukuququzelela iinkcazo-ntetho zabathathi-nxaxheba abayi-30 ubuninzi kwindawo nganye.
- Abenzi benkcazo-ntetho mabalungise baze bangenise zonke iiwekhishithi zenkomfa yeCTLI. Zonke iiwekhishithi ziya kuqokelelwa zize ziprintwe zibe kuhlobo lwencwadi. Oku kuthetha ukuba abenzi benkcazo-ntetho abasayi kufuneka ukuba bazise iikopi ezingaphezulu zezinto zokufunda eziprintiweyo, ngaphandle kokuba abathathi-nxaxheba kuye kwafuneka ukuba basike okanye basonge amaphepha eewekhishithi. Umhla osikelwe ukungeniswa kweewekhishithi kwi-CTLI ziiveki ezine phambi kokuba iqale inkomfa, ngowe-01 Juni 2015.
- Ukuba kunako, zonke izinto zokufunda eziprintiweyo mazitayitshwe zize ziprintwe. I-CTLI iya kwenza iikopi zezo zinto zokufunda.
|
4.2 |
Le nkomfa kwakhona ikhangela abenzi benkcazo-ntetho abanokwabelana kunye nabathathi-nxaxheba "ngezona ndlela zingcono zokufundisa" ekusetyenzisweni kweThekhinoloji yeNgcaciso nezoNxibelelwano ekufundeni nasekufundisweni kweMathematika eklasini. |
4.3 |
Ukuba unomdla wokwenza inkcazo-ntetho kwinkomfa, kucelwa uzalise isiHlomelo A uze usibuyisele kuNks B Khumalo kwifeksi 021 900 5027 / 5162 / 5013 / 086 731 6835 okanye kule dilesi ye-imeyili buhle.khumalo@westerncape.gov.za ungadlulanga uLwesihlanu, we-08 Meyi 2015. |
5. |
Ingcaciso eyenzelwe abathathi-nxaxheba |
5.1 |
Kucelwa ootitshala abanqwenela ukuya kule nkomfa njengabathathi-nxaxheba ukuba bazalise iinkcukacha zabo kwifom yokubhalisa kwisiHlomelo B. |
5.3 |
Ubhaliso luya kuvala nje ukuba abathathi-nxaxheba abayi-300 babhalise. |
6. |
Amalungiselelo
Abathathi-nxaxheba okanye abenzi benkcazo-ntetho abasuka kwii-ofisi zezithili zemfundo ezisemaphandleni abahamba ngaphezu kwe-120 km ngohambo ngalunye olubuyayo banokulala kwindawo eyenzelwe oko e-Cape Teaching and Leadership Institute ngobusuku bangeCawa, ngowe-05 Julayi 2015 nangoMvulo, wowe-06 Julayi 2015.
|
7. |
I-CTLI iyathemba ukuba le nkomfa iya kuba lulutho kakhulu kubo bonke ootitshala bemathematiki abayayo kuyo. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:04:08
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |