1. Imfuno eya ikhula yeendawo zokuqhubela iindibano kunye neendawo zokulala kubathathi-nxaxheba beSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) ikhokelele iCandelo le-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) ukuba liqwalasele ezona ndlela zisebenza kakuhle kakhulu zokubonelela ngenkonzo yokupheka kubo bonke abasebenzisi beli ziko.
2. Siyavuya ngoko ke ukwazisa ukuba ukususela nge-1 Apreli 2015, kuya kuqeshwa ngemvumelwano ikhampani enobuchule bokupheka ukwenzela ukubonelela ngayo yonke into etyiwayo kunye neziphungo (all meals and refreshments) kubasebenzisi beziko i-CTLI. Oku kuthetha ukuba abasebenzisi beli ziko kuya kunyanzeleka ukuba basebenzise ikhontrakhi yabapheki ekwiziko besebenzisa ikhontrakhi ebanzi yabo nesebe lemfundo (transversal contract) yaye kungekho baboneleli-nkonzo yokupheka bangabanye baya kuvunyelwa kwiziko elo.
3. Sisakubanje singqinisisiwe isicelo sokubhukisha indawo e-CTLI, umenzi-sicelo makachaze iimfuno zakhe zento etyiwayo kwikhampani yokupheka ekungenwe kwimvumelwano nayo. Kuya kufumaneka imenyu efanayo kubo bonke abasebenzisi bale nkonzo baze kwa-abasebenzisi abo banikwe iikhuphoni zokutya ezinokutshintshiswa ngokutya okanye ngeti, njl. njl. Ekupheleni kongenelelo ngoncedo, umsebenzisi wenkonzo ngamnye uya kunikwa i-invoyisi ngumbonelelinkonzo yokupheka zize iintlawulo zenziwe ngabeCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo (Procurement Management) njengoko kumiselweyo. Kunokungenwa kwakhona kwimvumelwano nekhontrakhi efumaneka ngaphakathi kwiziko ukuba mayinike inkonzo yokupheka yesebe lemfundo eyenzelwa ngaphandle kweziko (catering off-site), kungakhange kwenziwe nazo naziphi iinkqubo zokuthengwa kweempahla neenkonzo ezingaphezulu. Irejista eqingqiweyo yokuhanjwa kweendibano (standard attendance register) kunye nee-invoyisi ezingqinisisiweyo maziqhotyoshelwe apha kuzo zonke iimeko.
4. Ingcaciso malunga nomboneleli-nkonzo ekungenwe kwimvumelwano naye, iinkcukacha zoqhagamshelwano neemenyu eziqhelekileyo kwakunye neemenyu ezizodwa (standard and special menus) njengoko zicacisiweyo kwiinkcukacha zemvumelwano ziya kunikwa, nje ukuba ikhontrakhi igqitywe.
5. Kubaluleke kakhulu ukuba ummiselo weentsuku eziyi-30 osikelwe ukubhukisha iindawo zendibano ze-CTLI kwakunye nokubhukisha inkonzo yokupheka uthotyelwe.
6. Siyathemba ukuba sinako ukuxhomekeka kwintsebenziswano ngokupheleleyo yabo bonke abasebenzisi beli ziko yaye sikholelwa ukuba la malungiselelo matsha aya kwamkelwa nguye wonke umntu yaye aya kuba negalelo elikhulu ekuphuculeni ubuchule bokwenza izinto.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:03:17