ISALANTHISO: | 20151012-4104 12/3/3/1 |
 | IMIBUZO: | Barry Volschenk | IFONI: | 082 376 4794 | IFEKSI: | 021 467 2363 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO: 0001/2015 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI BEZITHILI ZEMFUNDO NAKWIINQUNUNU ZAZO ZONKE IZIKOLO EZIPHAKAMILEYO, EZIDIBENEYO (COMBINED) NEZIZIMELEYO |
| INKOMFA I-DIE BURGER YOUTH LEADERSHIP CONFERENCE EQALA NGOWE-11 UKUYA KOWE-17 DISEMBA 2015 |
1. |
Iphephandaba i-Die Burger lisebenzisana neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), liza kuphinda kwakhona lisingathe inkomfa yolutsha i-57th annual Youth Leadership Conference ukususela kowe-11 ukuya kowe-17 Disemba 2015 e-Die Burger Strandhuis eMuizenberg, eKapa. |
2. |
Ziyacelwa izikolo ukuba zityumbe usihlalo kunye/okanye usekela-sihlalo weBhunga eliMele aBafundi lika-2016. Ngamashumi amahlanu (50) aziinkokeli zolutsha (amakhwenkwe ayi-25 namantombazana ayi-25) aya kukhethwa kwizicelo ngokweekhrayitheriya ezichazwe kwifom yokutyumba eqhotyoshelweyo. |
3. |
Ulwimi ekuya kuqhutywa ngalo kule nkomfa sisi-Afrikansi (ulwimi lwephephandaba i-Die Burger), kodwa kuya kuthathelwa ingqalelo onke amaqela ezinye iilwimi xa kukhethwa abatyunjwa. |
4. |
Iinkokeli zolutsha ezikhethiweyo zilindeleke ukuba zibekho kule nkomfa ngalo lonke ithuba lokuqhuba kwayo ukususela ngoLwesihlanu we-11 Disemba ukuya kuLwesine we-17 Disemba 2015. |
5. |
Le fom yokutyumba iqhotyoshelweyo mayizaliswe ngokupheleleyo yaye apho kuyimfuneko, ingcaciso efanelekileyo yokuxhasa isicelo mayingeniswe kunye nale fom. |
6. |
Ifom yokwenza isicelo ezaliswe ngokupheleleyo mayiskenwe yaye ingeniswe nge-imeyili komnye waba balandelayo ungadlulanga owe-30 Oktobha 2015:
Nks H Arendse apha Hazel.Arendse@westerncape.gov.za |
7. |
ISebe iWCED licela zonke izikolo ukuba zityumbe abagqatswa abafanelekileyo kule nkomfa ixabiseke kangaka. |
ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2015:10:12
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |