1. Le Ngcaciso iMfutshane ithatha indawo yale: IMGP Minute 0016/2013 yaye mayifundwe kunye neSetyhula 0067/2004 (Ukubonelelwa kwamaziko ngezithuba nokuzaliswa kwezithuba ezingesosigxina ze-ABET), iNgcaciso eMfutshane yeze-IMGP 0008/2014 (Interpretation of REQVs for educators at community learning centres) neSahluko 6 (6.10.2) seProcedure Manual for Centre Managers and Site Co-ordinators.
2. Libhunga lolawulo leziko elimisela iireyithi zemivuzo yootitshala abangesosigxina abakumaziko emfundo oluntu.
3. Ayakhunjuzwa amabhunga olawulo ukuba akanako ukuhlawula ootitshala abangesosigxina imivuzo engaphantsi kwe-70% yereyithi ye-Personnel Administration Measures (PAM), yaye mayingabi ngaphezulu kwereyithi yePAM ngeyure.
4. Iireyithi zePAM ngeyure ezisebenzayo zezi zilandelayo:

I-REQV Ireyithi yePAM ngeyure I-70% yereyithi yePAM ngeyure
10 R90.82 R63.57
12 R154.04 R107.83
13 R258.66 R181.06
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:04:29