1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lenze i-reference file yeBhunga eliMele aBafundi yesikolo ngasinye sezikolo zikarhulumente eNtshona Koloni ezifanele ziyifumane, o.k.t. esineBakala 8 nangaphezulu ukuncedisa iiRCL ekwenzeni imisebenzi yazo.
2. I-reference file iya kusiwa ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo zikarhulumente zineBakala 8 nangaphezulu yaye mayinikwe iRCL ngokukhawuleza yakuba ifikile.
3. Ukuze kuzuzwe isiphumo esinqwenelekayo nge-reference file sokunceda iiRCL ekwenzeni imisebenzi yazo, kucetyiswa ukuba inqununu notitshala oligosa loqhagamshelwano (teacher liaison officer) (TLO) baxoxe ngokukule fayili kunye neRCL echaphazelekayo.
4. Ukongeza apho, kucetyiswa ukuba kwenziwe ishedyuli yeengoxo ukuqinisekisa ukuba amalungu eRCL ayaqhelaniswa nokukule fayili de akwazi. Iprogram yeengoxo ingaqhutywa kwithuba leenyanga ezintathu okanye nangaphezu koku.
5. Isikolo ngasinye siya kufumana iikopi ezimbini (2) zefayili ngeelwimi zaseburhulumenteni zontathu zephondo leNtshona Koloni.
6. Ukuba isikolo asifumananga kopi, kucelwa siqhagamshelane noMququzeleli weRCL wesithili semfundo.
7. Ifayili yipropathi yesikolo nekufuneka igcinwe ngokunqatyisiweyo ngawo onke amaxesha. Ii-TLO zinokwenza iikopi zamacandelo afanelekileyo efayili lo gama ziyigcine ngokunqatyisiweyo.
8. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo, kubandakanywa namabhunga olawulo ezikolo, ukuze bonke bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:11:26