1. UMmiselo 3(2) weMimiselo eMalunga nokuXolelwa kwaBazali ekuHlawuleni iiFizi zeSikolo, 2006, ucacisa ukuba ibhunga lolawulo lesikolo (SGB) maliqinisekise ukuba ikopi yale mimiselo ikhankanyiweyo, iboniswa kwindawo esekuhleni esikolweni.
2. Ngenxa yoku kukhankanywe apha ngentla, kucelwa ukuba ikopi yale mimiselo ikhankanyiweyo ibekwe kwindawo efikeleleka lula kubazali ukwenzela ukuba bakufunde okuqulethwe yiyo. Ukongeza, kucelwa ukuba esi saziso siqhotyoshelweyo, masixhonywe kwibhodi yezaziso esesikolweni, ukwenzela ukuba abazali bazi ukuba kukho le mimiselo ikhankanyiweyo yaye bakhuthazwe abazali ukuba bayifunde bakwazi okuqulethwe yiyo phambi kokuba benze izicelo zokuxolelwa ekuhlawuleni iifizi zesikolo.
3. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:08:04

Isaziso  (ubukhulu: 26 KB)