1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ekuqinisekiseni ukusetyenziswa kwexesha lokufunda nokufundisa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu. Ngako oko ke, luxanduva lwesikolo ngasinye ukukhusela ixesha lokufundisa nokuxhasa ukufunda iintsuku eziyi-201 zizonke kunyaka ngamnye, ngokungqinelana noMgaqo-nkqubo wokuHamba iSikolo waBafundi kuZwelonke (National Learner Attendance Policy).

2. Bayacelwa bonke abasebenzi abasezikolweni nakwii-ofisi zezithili zemfundo ukuba baqaphele oku kulandelayo:
2.1 Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yaso yamathuba okubhalwa kweemviwo nasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo, kunye nokwazisa bonke abafundi, abazali kunye nee-ofisi zezithili zemfundo ngeprogram leyo ngokufanelekileyo.
2.2 Ziyakhunjuzwa izikolo ezifundisa amaBakala 4 – 11 ukuba makungabikho luviwo luqala phambi kowe-2 Juni 2014 nowe-17 Novemba 2014. Nakuba kunjalo, izikolo zinokwenza isicelo kumlawuli wesithili semfundo sokufumana imvume yokuqalisa iimviwo zeprakthikhali (practical examinations) kwangoko kwizifundo ezithile.
2.3 Kulindeleke ukuba bonke abafundi babe sesikolweni ubuncinane iiyure ezi-5 ngeentsuku zethuba lokubhalwa kweemviwo. Ngako oko ke, ukuba isikolo siqala ngo-8:00, eso sikolo asinako ukukhulula abafundi bagoduke phambi kwentsimbi ye-13:00. Xa kusenziwa amalungiselelo okuvala kwangoko, makuthathelwe ingqalelo ukhuseleko nokuthuthwa kwabafundi. Kubalulekile ke ngoko ukuba abazali baziswe kwangaphambili ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amanye amalungiselelo.
2.4 Kufuneka bonke abafundi bahambe isikolo ngalo lonke ithuba lokubhalwa kweemviwo, ngaphandle kwabafundi beBakala 12, abaya kuba nelungelo lokufumana iintsuku ezi-5 zokulungiselela iinjongo zokufunda phambi kokuqala kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke zokugqibela.
2.5 Izikolo mazingaze zazise abafundi ukuba sisigqibo somfundi ngamnye ukuba aye okanye angayi esikolweni zakuba ziphelile iimviwo zaloo kota aokanye xa bengabhali zimviwo okanye zimvavanyo.
2.6 Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babe sesikolweni usuku lonke lwesikolo yonke imihla (iiyure eziyi-35 ngeveki), ngethuba lokubhalwa kweemviwo, kungakhathaliseki nokuba babelwe umsebenzi wokugada abaviwa okanye akunjalo.

3. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba kufuneka zingenise iithayimthebhile zeemviwo zazo kuMphathi weze-IMG ubuncinane kwiiveki ezine phambi kokuqala kweemviwo. Amagosa ezithili zemfundo aya kukubeka esweni ukuphunyezwa kwale miyalelo.

4. Ziyacelwa iinqununu namabhunga olawulo ezikolo ukuba zikuqwalasele ngokukodwa ukwenziwa kweeprogram zazo ngala mathuba ukwenzela ukuba kungabikho xesha lokufundisa elixabisekileyo lilahlekayo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:03:20