1. Imibuzo efunyenweyo evela kuMphicothi-zincwadi Jikelele emalunga nabafundi ababoniswe kwiCEMIS njenge-"LSEN in the Mainstream" iphembelele ukuba iCandelo leMfundo eBandakanya Bonke aBafundi liyijongisise inkqubo yokufakwa kwabafundi kwiCEMIS ngokumalunga noku.

2. Inkqubo yokungqinisisa abafundi ababoniswe njengangoku njengabafundi abaneemfuno ezizodwa zemfundo (LSEN) kwizikolo eziqhelekileyo ezenza iinkonzo zokufundisa kwiCEMIS iya kwenziwa ngabasebenzi beSLES (Specialised Learner and Educator Support) aba kwisithili. Bonke abafundi abangenawo amaxwebhu axhasa oku kuhlelwa (classification) baya kususwa kwisistim. I-CEMIS iya kukhupha ilisti yamagama abafundi afuna ukungqinisiswa.

3. Inkqubo yokungqinisisa iya kulandelwa yinkqubo entsha yokubonisa abafundi njenge-"LSEN in the Mainstream", nelawulwa ngabasebenzi be-SLES besithili neya kusayinelwa yiNtloko yeSithili yeSLES.

4. Kwixa elizayo zonke izikolo mazibacele abasebenzi beSLES bababonise abafundi njengabe-"LSEN in the Mainstream." Iinqununu nazo maziqiniseksie ukuba bonke abafundi abafanelwe ukuphawulwa njengabe-"LSEN in the Mainstream" bayavavanywa ngabasebenzi beSLES. Onke amaxwebhu/zonke iingxelo mazigcinwe kwiProfayili yoMfundi, kubekho nekopi kwicandelo leSLES lesithili.

5. Xa umfundi esimka esikolweni, isikolo esimamkelayo lo mfundi masicele iProfayili yoMfundi kwisikolo sangaphambili ebekuso. IProfayili yoMfundi ayinakunikwa umzali okanye nabani na omnye umntu ongomnye ukuba ayigqithisele kweso sikolo sitsha. Makukhuselwe maxa onke ukuthembeka nokuba yimfihlo kweProfayili yoMfundi.

6. IiProfayili zaBafundi, kwakunye nawo onke amaxwebhu akwifayili yabafundi abemkayo esikolweni, mazigcinwe ubuncinane kangangeminyaka eli-10 phambi kokuba zitshatyalaliswe – kubandakanywa nezo zabafundi abemkayo esikolweni ngokupheleleyo.

7. Abasebenzi beSLES kwisithili, abangaba, iNtloko yeSLES, iSayikholojisti eneQhuzu, uMququzeleli weNkxaso ekuFundeni (Learning Support Co-ordinator), uMququzeleli weZikolo zeMfundo eneeMfuno eziZodwa (Special Schools Co-ordinator) neTheraphisti yeSithili, baya kubhaliswa kwi-EduInfosearch ukulungiselela oku kulandelayo:
7.1 ukungqinisisa ilisti ekhoyo njengangoku ephawulwe "LSEN in the Mainstream" baze benze utshintsho oluyimfuneko;
7.2 ukurekhoda kwixa elizayo abafundi njenge-"LSEN in the Mainstream" kwakunye nokukhubazeka okufanelekileyo emva kweengxoxo zekomiti esingatha imiba ngemiba yezemfundo (multi-disciplinary team discussion); nokuba
7.3 iNtloko yeSLES isayine loo listi eziswe yikomiti. Idatha yeCEMIS iya kulubonisa olo tshintsho kuphela emva kokusayinelwa kwelisti leyo.

Abasebenzi beSLES baya kuqeqeshelwa iinkqubo eziza kulandelwa ngamagosa e-EduInfoSearch/CEMIS kwikota yesithathu yesikolo.


8. Njengegosa le-EMIS lesikolo, inqununu mayizilawule iinkqubo zedatha (data processes) ukuqinisekisa ukuba bukhona ubungqina bongqinisiso neesiginitsha zabasebenzi abadluliselwe amagunya okutshekisha idatha.

9. Kucelwa nibhekise yonke imibuzo emalunga nale ngcaciso imfutshane ku-Du Toit Stegmann noThando Pokolo kwezi nombolo zefoni: 021 467 2121 no-021 467 2289 ngokulandelelanayo.


ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2014:06:17