1. Ngo-Oktobha 2013, iSebe leMfundo leNtshona Koloni libhalise iiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yamaBakala 3, 6 no-9 kwiMathematika nakwiiMvavanyo zeNkqubo zeeLwimi.

2. Iziphumo zakhutshwa zathunyelwa ezikolweni nge-17 Januwari 2014 ngaphandle kweziphumo zeeMvavanyo zoLwimi zeBakala 3. Ezi ziphumo ziya kufumaneka kwi-CEMIS ukususela nge-5 Februwari 2014.

3. Ngako oko kuveliswe iingxelo ezongezelelweyo. Makuqatshelwe ukuba iziphumo zeMathematika azitshintshanga. Ukufumana iingxelo ezipheleleyo landela le nkqubo ingezantsi:

  • Kwi-CEMIS khetha i-ayithem yemenyu u-"Assessment".
  • Kwi-drop-down menu, khetha "Grade 3 Maths/Lang Results 2013".
  • Kumele iziphumo zivele kwiskrini.
  • Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker", uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
  • Wakugqiba ukwenza oku, khetha elinye kula mabakala ukujonga iziphumo.
4. Ukuba unayo nayiphi imibuzo ngokukule ngcaciso imfutshane, kucelwa uqhagamshelane negosa elijongene nesithili sakho njengoko kucacisiweyo kule theyibhile ingezantsi:

Ekuqhagamshelwana naye Isithili seMfundo
Gqr Audrey Wyngaard, ifoni 021 467 9272
Audrey.Wyngaard@westerncape.gov.za
Metro East
Overberg
Nks Bukelwa Maxakana, ifoni 021 467 9296
Bukelwa.Maxakana@westerncape.gov.za
Metro South
Cape Winelands
Gqr Nomawabo Makapela, ifoni 021 467 9297
Nomawabo.Makapelao@westerncape.gov.za
Metro North
Eden & Central Karoo
Mnu Vumile Nyalashe, ifoni 021 467 9350
Vumile.Nyalashe@westerncape.gov.za
Metro Central
West Coast
Izikolo ezizimeleyo


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:02:04