1. |
Ngo-Oktobha 2013, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqhube iiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yamaBakala 3, 6 no-9 kwiMathematika nakwiiMvavanyo zeNkqubo zeeLwimi. |
2. |
Iziphumo ziya kufumaneka kwiCEMIS ngowe-17 Januwari 2014. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zifumane iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwizicwangciso zokuphucula izikolo zazo. |
3. |
Kucelwa niqaphele ukuba iziphumo zolwimi zeBakala 3 aziyi kufumaneka nge-17 Januwari 2014 kodwa ziya kukhutshwa ngoFebruwari 2014. |
4. |
Iingxelo eziya ezikolweni ziya kunika iireyithi zokupasa nomndilili wamanqaku azuzwe sisikolo ngasinye, ziphinde kwakhona zibonise indlela ekuqhutywe ngayo kwiinkalo zeelwimi nakwimathematika. |
5. |
Iziphumo zesikolo sakho zinokufumaneka kwiCEMIS ngokusebenzisa le nkqubo ilandelayo:
- Khetha i-ayithem yemenyu u-"Assessment".
- Kwi-drop-down menu, khetha enye yezi zilandelayo:
- Ukufumana iziphumo zeBakala 3, khetha "Grade 3 Maths Results 2013".
- Ukufumana iziphumo zeBakala 6, khetha "Grade 6 Lang/Maths Results 2013".
- Ukufumana iziphumo zeBakala 9, khetha "Grade 6 Lang/Maths Results 2013".
Iziphumo zifanele ukuvela kwiskrini.
- Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker", uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
- Kwakugqitywa oku, khetha libe linye kula mabakala ukujonga iziphumo.
|
6. |
Malunga nayo nayiphi imibuzo yokubhalwe kule ngcaciso emfutshane, kucelwa uqhagamshelane negosa elijongene nesithili sakho njengoko kucacisiweyo kule thebhile ingezantsi:
|
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:01:13
|
 |