1. |
Ikomitana yeDITCOM yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) sisongezelelo sebhodi yeDITCOM nebamba iintlanganiso zayo qho ngenyanga, njengoko kubonisiwe kule theyibhile ilapha ngezantsi, ukwenza izigqibo ngezicelo zokufunwa kwezixhobo ze-ICT ezisetyenziswa ngokubanzi (standard ICT equipment). |
2. |
Abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) mabazalise ifom yesicelo yeDITCOM evunyiweyo (isiHlomelo i) xa besenza isicelo seempahla neenkonzo ze-ICT. Isicelo esiyintsusa (original application) esizaliswe ngokupheleleyo, saza sasayinwa, masingeniswe kwiDITCOM Subcommittee Secretariat, Room 19-09A, 19th Floor, Golden Acre, Cape Town. Zonke izicelo mazifike kwi-ofisi zoomabhalane ubuncinane kwiveki enye phambi kokuba kuhlale intlanganiso. Sakubanje sandlaliwe isicelo, umenzisicelo/ umntu ocelayo uya kufumana ikopi yesicelo esivunyiweyo ukwenzela ukuba kube kuqhutyekwa nokusiphumeza okanye afumane i-imeyili emazisa ukuba isicelo eso asivunywanga. |
3. |
Ikomitana yeDITCOM iya kuthatha isigqibo ngezixhobo ze-ICT ezisetyenziswa ngokubanzi kuphela (isiHlomelo ii). Uluhlu lwezixhobo ezisetyenziswa ngokubanzi luhlaziywa qho yiDotP:Ce-I kwaye izinto ezihlaziyiweyo zifumaneka kwikhompyutha apha http://intrawp.pgwc.gov.za/Blue_Pages/Approved.asp Zonke izicelo zezinto ezingasetyenziswa ngokubanzi (non-standard applications) ziya kuthunyelwa kwibhodi yeDITCOM. Uluhlu ngokubanzi lwezixhobo ze-ICT luye lukhutshwe ukwenzela ukunika amagosa isikhokelo ngezixhobo eziya kufuna imvume yeDITCOM (isiHlomelo iii). |
4. |
Isicelo sezixhobo ze-ICT ezitshintshwayo kufuneka sihanjiswe kunye nengxelo i-technical report ecacisa ngesizathu sokwenziwa kwesicelo sokufuna ukutshintshwa kwezixhobo. Kwiimeko apho izixhobo ze-ICT zithengelwa abaqeshwa abatsha, kufuneka kubekho izizathu ezixhasayo (motivation) zokuba ngaba nasiphi na isixhobo sakhutshwa phambi kokuba kuqeshwe kwisithuba eso nokuba kuya kwenzeka ntoni na kwisixhobo eso. |
5. |
Kucelwa uqinisekise ukuba ifom yesicelo yeDITCOM ibonisa ukuba izixhobo ziya kunikwa omnye umntu kunye/okanye ziya kuchithwa (dispose of), ekuya kuthi ke xa kuyiloo meko, kufuneke i-SCM iqwalaselisiswe ukwenzela ukuba kutshintshwe ingcaciso kwirejista yee-asethi. |
6. |
Ishedyuli yeentlanganiso zekomitana yeDITCOM yonyaka-mali ka-2014-15 nemihla yokungenisa izicelo imi ngolu hlobo lulandelayo:
Umhla wentlanganiso\ |
Ixesha |
Umhla wokuvalwa kwezicelo |
27 Januwari 2015 |
09:00 – 12:00 |
20 Januwari 2015 |
24 Februwari 2015 |
09:00 – 12:00 |
17 Februwari 2015 |
24 Matshi 2015 |
09:00 – 12:00 |
17 Matshi 2015 |
|
7. |
Ishedyuli yeentlanganiso zekomitana yeDITCOM yonyaka-mali ka-2015-16 kunye nemihla yokungenisa izicelo imi ngolu hlobo lulandelayo:
Umhla wentlanganiso\ |
Ixesha |
Umhla wokuvalwa kwezicelo |
29 Apreli 2015 |
09:00 – 12:00 |
22 Apreli 2015 |
27 Meyi 2015 |
09:00 – 12:00 |
20 Meyi 2015 |
24 Juni 2015 |
09:00 – 12:00 |
17 Juni 2015 |
29 Julayi 2015 |
09:00 – 12:00 |
22 Julayi 2015 |
26 Agasti 2015 |
09:00 – 12:00 |
19 Agasti 2015 |
30 Septemba 2015 |
09:00 – 12:00 |
23 Septemba 2015 |
28 Oktobha 2015 |
09:00 – 12:00 |
21 Oktobha 2015 |
25 Novemba 2015 |
09:00 – 12:00 |
18 Novemba 2015 |
27 Januwari 2016 |
09:00 – 12:00 |
20 Januwari 2016 |
24 Februwari 2016 |
09:00 – 12:00 |
17 Februwari 2016 |
30 Matshi 2016 |
09:00 – 12:00 |
23 Matshi 2016 |
|
ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:11:21
|
 |