1. I-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke (National Treasury) ingene kwimvumelwano ebanzi ebandakanya amanye amasebe i-transversal contract RT5-2013 ukwenzela ukunika inkonzo yekhuriya eqhubeka okokoko kumasebe karhulumente kuzwelonke nakumaphondo. Le mvumelwano ilungiselelwe ukuba isebenze ithuba leminyaka emibini elifikelela esiphelweni nge-31 Agasti 2015 nalo mboneleli-nkonzo ulandelayo.

Igama leKhontrakhi Umntu ekuQha-gamshelwana naye Idilesi Ifoni Ifeksi Idilesi yeimeyili
Crossroads Distribution (Pty) Ltd t/a Skynet Worldwide Express Raymond Ngubane
Moses Mashilo
P.O. Box 8807
Edenglen 1613
0115861006
0823353692
0836802128
0125861272 raymondn@skynet.co.za
mosesm@skynet.co.za
2. Le nkonzo yenzelwe kuphela iimeko ezingxamiseke ngokukodwa. Kwiposi yesiqhelo kufuneka kusetyenziswe iinkonzo zeposi eziqhelekileyo ezinikwa yirejistri yakwaNdlunkulu neerejistri zee-ofisi zezithili.

3. Ukuba kukho nawaphi na amacandelo eSebe iWCED okanye ii-ofisi zezithili ezinqwenela ukusebenzisa inkonzo ecaciswe kwimvumelwano ebanzi ekhoyo ngoku i-National Treasury Contract RT 5-2013, makulandelwe le nkqubo ilandelayo:

  1. Qhagamshelana nomboneleli-nkonzo ucele kuye iphetshana lepasile ethunyelwayo (waybill), nekufuneka lizaliswe ngokupheleleyo licandelo elichaphazelekayo. Makunikwe ezi nkcukacha zilandelayo:
    • Igama lecandelo/lecandelo lomlawuli oyintloko/le-ofisi yesithili;
    • Igama lomntu ekuqhagamshelwana naye;
    • Idilesi yestrato;
    • Inombolo ye-ofisi nenombolo yefoni yomntu ekuqhagamshelwana naye; kunye
    • Nenombolo yesalathiso yefayili ekugcinwa kuyo irekhodi yeenkonzo zekhuriya ezifunekayo.

  2. Cela umboneleli-nkonzo aze kuthatha ipasile (iipasile) ephawulwe ukuba iza kuthunyelwa kunye ne-invoyisi yokwenziwa kwenzonzo nemazithunyelwe kumntu ekuqhagamshelwana naye obecele inkonzo leyo.

  3. Yakufika i-invoyisi, ngqinisisa iinkcukacha malunga nokuchaneka kwengcaciso (khangela imihlathi (a) no-(b) apha ngentla) ukuqinisekisa ukuba inkonzo yenziwe ngokwanelisayo nokuqinisekisa ukuba ingahlawulwa na i-invoyisi.

  4. Hlawula i-invoyisi ngqo kwi-BAS (Sundry Cycle- zingadlulanga iintsuku eziyi-30).
4. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ikhomponenti ecela inkonzo yekhuriya inoxanduva lokuhlawula i-akhawunti kunye nokuphendula nayiphi na imibuzo enxulumene nayo nayiphi na inkonzo ethile. I-Transversal National Treasury Contract RT5-2013 ingafikeleleka ngeziko lewebhu le-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke apha http://www.treasury.gov.za/divisions/ocpo/ostb/contracts/default.aspx

5. Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yazo zonke iingcaciso ezimfutshane zangaphambili ezingeenkonzo zekhuriya.

6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:07:02