1. Inkqubo yokusingatha izicelo zokufikelela kwingcaciso ngokoMthetho wokuKhuthaza uKwazi ukuFikelela kwiNgcaciso, ka-2000 (uMthetho 2 ka-2000) (Promotion of Access to Information Act (PAIA), 2000 (Act 2 of 2000)) kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED), yacaciswa kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0004/2012, ye-17 Oktobha 2012.

2. UMlawuli-Jikelele woRhulumente wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Government), uthe, njengeGosa leNgcaciso (Information Officer) ngokweSiqendu 1 se-PAIA, wadlulisela onke amagunya nemisebenzi ayinikiweyo ngokweSiqendu 17(3) se-PAIA, kwiNtloko yeSebe leMfundo, kuBalawuli: owoQuquzelelo lweMigaqo-nkqubo, oweCandelo lezoNxibelelwano nowezoLawulo loLwazi neNgcaciso kwakunye nabo bonke abalawuli kwii-ofisi zezithili zemfundo ezisi-8 kunye nakubo nabaphi na abantu ababambeleyo kwezi zithuba njengamaSekela amaGosa eNgcaciso eSebe iWCED (WCED Deputy Information Officers) (DIOs)).

3. Le Migaqo ihaliziyiweyo ilandelayo ngokunikeza Ufikelelo Kwingcaciso Yenzeka ngukukhawuleza
3.1 Nangona aba basebenzi bachaziweyo apha ngasentla baseza kufumana izicelo zokufumana ingcaciso ngokwezikhundla abakuzo njengee-WCED DIOs, baya kuthi, ukusukela nge-1 Epreli 2014, bangabi saqhubeka nokujongana nomsebenzi wokuqwalasela izicelo ezisemthethweni zokufikelela kwingcaciso.
3.2 Ukusukela nge-1 Epreli 2014, ii-DIO mazithumele zonke izicelo ze-PAIA ezingokufikelela kwingcaciso (iFom A) kwaNdlunkulu neziya kuqwalaselwa yi-DIO kwi-ofisi yeNtloko yeSebe leMfundo i-HOD (uMnu Paddy Atwell), ekugqithiselwe amagunya kuye okwamkela nokuququzelela impendulo echaphazela bona (iimpendulo ezichaphazela bona).
3.3 Emva koko, ii-DIO kufuneka ngoko nangoko zamkele ngokubhaliweyo zonke izicelo zokufikelela kwingcaciso (iFom A) abaye bazifumane baphinde bazibuyisele kwi-Ofisi yeNtloko yeSebe i-HOD ngaphandle kwamathandabuzo ukwenzela ukuba iqwalaselwe yi-IDIO kwi-ofisi yeNtloko yeSebe i-HOD (uMnu Paddy Atwell), ukuqinisekisa ukuba kuthotyelwa ngqo imimiselo yexesha elisikiweyo (iintsuku eziyi-30).
3.4 I-DIO kwi-ofisi yeNtloko yeSebe i-HOD iya kulungiselela ize iququzelele ukuqwalaselwa kwezicelo ezingokufikelela kwingcaciso kwanokugcina irekhodi nerejista yazo zonke izicelo ezingenisiweyo ngeenjongo zokunika ingxelo.
3.5 Inkqubo echazwe kule ngcaciso emfutshane iqalisa ukusebenza ngokukhawuleza.
3.6 Kucelwa onke amagosa eSebe iWCED ukuba abonise intsebenziswano epheleleyo yawo ekuqinisekiseni ukuba izicelo zokufikelela kwingcaciso zisingathwa kwangexesha.

4. Kucelwa uthathe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweNgcaciso 0004/2012 yange-17 Oktobha 2012, njengefakelwe izilungiso ngokufanelekileyo.

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakunike ingqwalaselo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:06:06

"Promotion of Access to Information Act, 2000"  (ubukhulu: 178 KB)
"Form A: Request for access to record of public body"  (ubukhulu: 23 KB)