1. ISaveyi yaQho ngoNyaka epapashwe kwigazethi (gazetted Annual Survey) yezikolo eziqhelekileyo iya kuqhutywa nge-4 Matshi 2014. Kuya kufuneka iinqununu zisayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-4 Matshi 2014:
1.1 Abafundi bakumabakala, bakwiiklasi nakumacandelo e-LOLT achanekileyo;
1.2 Kugqityiwe ukufakwa kwengcaciso ngabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni); yaye
1.3 Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa.

2. ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba izikolo zihlaziye ingcaciso engootitshala zize zifake ingcaciso epheleleyo kwizikrini. Lo msebenzi kufuneka usayinelwe ungadlulanga owe-26 Matshi 2014 ngokuthi kuqinisekiswe le miba ilandelayo:
2.1 Iinkcukacha zootitshala zihlaziyiwe malunga neminyaka yamava, namabakala kunye nezifundo abazifundisayo ngo-2014;
2.2 Zonke izikrini zokufaka idatha zizalisiwe yaye izikrini ebesele zinedatha ziyahlaziywa (pre-populated screens), umz. iifizi zezikolo neetheyibhile zeziseko zophuhliso (infrastructure tables); yaye
2.3 Inkqubo yokulandelela abafundi (learner tracking) igcinwa isebenza kakuhle ngokufaka ingcaciso ngabafundi (transferring learners) ngaloo mihla bamkelwa okanye bemka ngayo esikolweni.

3. Njengegosa le-EMIS lesikolo, inqununu mayilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa kunye neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha, zikhona. Iinkqubo zomsebenzi wokufaka idatha ze-EMIS mazirekhodwe (EMIS data business processes) ukuqinisekisa ukuphendula malunga nokuchaneka kwedatha, njengoko le ngacciso inokuphicothwa ukuchaneka kwayo. Kucelwa nifunde iSetyhula yeCandelo loLawulo lweNgcaciso 0003/2012 (Knowledge and Information Management Circular 0003/2012) ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu. Kukhunjuzwa iinqununu kwakhona ukuba ukususela kulo nyaka, ukungenisa idatha ye-CEMIS echanekileyo ngumqathango ophambili ekuya kuxhomekeka kuwo ukufumana kwezikolo iSabelo-mali ngokweMiqathango neMimiselo yoLwabiwo-mali (Norms and Standards funding) (iSetyhula yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0044/2013).

4. Kunyanzelekile ukusetyenziswa kweNombolo yeSazisi (Identity Number) ngabafundi kuzo zonke iisistim zokulawulwa nokuphathwa kwezikolo. Kuza kupapashwa kungekudala isetyhula ngokusesikweni ngokumalunga noku. Ikho ingxelo ye-CEMIS yokuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zesazisi ezilahlekileyo. Ukuba umfundi akananombolo yesazisi evunyiweyo, kucelwa ukuba ulungiselele inkqubo yokufunyanwa kwayo ngokulandela isikhokelo esinikiweyo kwisetyhula eza kupapashwa.

5. Iinqununu maziququzelele iinkqubo zeSaveyi yaQho ngoNyaka ukuqinisekisa ukuchaneka nokuzaliswa kwengcaciso kwangethuba.

6. Kucelwa ubhekise yonke imibuzo ngale setyhula ku-T Pokolo naku-T Abbas kwezi nombolo zefoni 021 467 2289 naku-021 9290 ngokulandelelanayo.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:02:13