1. ISaveyi eQuphayo ka-2014

  1. ISaveyi eQuphayo yonyaka yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ingumthombo wengcaciso wokuqala obalulekileyo yaye iya kusetyenziswa kwezolawulo nokuphathwa kwezikolo, kwakunye nasekubonelelweni ngezibonelelo.

  2. ISaveyi eQuphayo yezikolo zikarhulumente kunye nezikolo ezizimeleyo eziqhelekileyo mayizaliswe ize isayinwe yinqununu yesikolo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-28 Januwari 2014. Umhla obekiweyo wabaphathi beze-IMG wokusayinela idatha ye-SNAP survey esekhompyutheni kwi-CEMIS ngowe-31 Januwari 2014.

  3. Ziyacelwa izikolo ezizimeleyo ukuba zizalise le saveyi ephepheni zize zenze amalungiselelo okuziswa kwefom yeSNAP survey ezalisiweyo, yaza yasayinwa yinqununu nomphathi weze-IMG, ungadlulanga owe-31 Januwari 2014.

  4. Phambi kokuba kusayinwe kwi-CEMIS, inqununu okanye lowo kudluliselwa kuye amagunya, makaqinisekise ukuba oku kulandelayo kwenziwe:

    1. Bonke abafundi ababhalisileyo nabahamba isikolo ngo-2014 mabavele bebhalwe kwibakala neklasi echanekileyo yabo kwi-CEMIS.

    2. Nawuphi na umfundi ebekulindeleke ukuba abuye, waza akafika esikolweni sakho kwada kwadlula owe-28 Januwari 2014 ukuba abhaliswe, makacinywe ezincwadini, ngokomgaqo-nkqubo wokuhamba isikolo wabafundi. (Aba bafundi bangabhaliswa kwakhona kwi-CEMIS ukuba bayeza ukuza kubhalisela ukwamkelwa emva kwe-28 Januwari 2014.)

    3. Ilisti yootitshala ekwi-CEMIS mayihlaziywe ngokutsha ingqinisiswe, ngokwemeko ekhoyo ngelo xesha esikolweni ngo-2014, yaye nemeko yengqesho yabo kwirekhodi ye-CEMIS mayingqinisiswe. Iskrini sesishwankathelo sengcaciso emalunga nootitshala esikwi-CEMIS siya kufaka ingcaciso ngoko nangoko kusetyenziswa idatha yootitshala engqinisisiweyo. Izikrini zokufaka idatha ezinika ingxelo ngenani lootitshala abasesikolweni mazizaliswe ngokuchanekileyo.

    4. Makuzaliswe icandelo elisayinwayo lesaveyi.

2. UBHALISO LWABAFUNDI BEBHALISELA I-ANA

Ubhaliso lwabafundi lweeMvavanyo zoNyaka zikaZwelonke zika-2014 (2014 Annual National Assessments) kufuneka lube selugqityiwe ekupheleni kukaFebruwari 2014. Iinqununu maziqinisekise ukuba izifundo zeelwimi nolwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LOLT) zifakwe ekhompyutheni ngokuchanekileyo kumfundi ngamnye phambi kokuphela kukaFebruwari 2014. Iingxelo ezingokusayinwa kwedatha ziya kunikwa ukususela nge-14 Februwari 2014.


3. UTSHINTSHO LWEZIFUNDO KWIBAKALA 12

  1. Izifundo ezifundwa ngabafundi beBakala 12 mazitshekishwe ukwenzela ukuqinisekisa ukuchaneka kwazo zize zizaliswe ukwenzela ukuba zisayinwe ungadlulanga owe-31 Januwari 2014. Ifasilithi yesicelo sokutshintshwa kwezifundo zabafundi beBakala 12 iya kufumaneka de kuye ekupheleni kukaJanuwari 2014 kuphela.

  2. Umgangatho wedatha ye-EMIS uya kuqhagamshelaniswa neentlawulo ezenziwa ngomatshini ezivela kwingxowa yemimiselo nemigangatho (norms and standards transfer payments). Iingxelo ezibonisa ukungqinelana ngqo nenkqubo yedatha ye-EMIS ziya kufumaneka kwiinqununu zezikolo kwi-CEMIS ukususela ngoMatshi 2014.
4. Kucelwa inqununu ilawule ukuququzelelwa kwale misebenzi ifunekayo ukuqinisekisa ukuba idatha yechanekileyo kunye nokuzaliswa kwangethuba kwengcaciso kwi-CEMIS.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:11