1. Injongo yeeNkcazo zoMgaqo-nkqubo woVavanyo lweKharityhulam (Curriculum Assessment Policy Statements (CAPS)) kukuvelisa abafundi abanako ukuqokelela, ukuhlalutya, ukulungisa kakuhle nokuhluza ingcaciso ngeliso elibukhali, inkqubo ekwabizwa ngokuba zizakhono zokwazi ukusebenzisa ingcaciso (information literacy skills).
2. Ulwazi lokusebenzisa ingcaciso (information literacy) sisakhono esivunywe ngamazwe ngamazwe esifundisa abafundi ukwazi ukufikelela (access), ukufumana (retrieve), ukuhluza (evaluate) nokusebenzisa ingcaciso esuka kwimithombo ngemithombo yengcaciso ukusombulula umba okanye ingxaki ekhoyo nokuyenza bayigqibe imisebenzi yesikolo.
3. Ukwenzela ukuba yenziwe igqitywe imisebenzi yesikolo nophando, abafundi kufuneka bafikelele kwimithombo yengcaciso echaneke ngokwenene.
4. Ilayisensi entsha efumaneka ekhompyutheni yeeNkonzo zeeLayibrari neNgcaciso zeSixeko saseKapa inika abasebenzisi belayibrari ababhalisiweyo indlela yokufikelela MAHALA kule nkonzo ye-Encyclopaedia Britannica iiyure eziyi-24, iintsuku ezisixhenxe ngeveki. Oku kubandakanya ingcaciso ephendulayo (interactive information) ehlaziywa qho, nefumaneka kwi-intanethi ukude nekhaya kwakunye nangazo zonke izixhobo ezimobhayili ezisebenza nge-intanethi kunye ne-smart devices.
5. Inkonzo ye-Britannica ilungelelaniswe ngokwenqanaba lemfundo lomsebenzisi lowo. Le nkonzo ikwanika inkxaso kwabo ulwimi lwesiNgesi balusebenzisa njengolwimi olongezelelweyo ngokunika ikhontenti elungiselela amanqanaba okwazi ukufunda ahlukeneyo.
6. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhuthaza onke amagosa, ootitshala nabafundi abahlala kwiSixeko saseKapa ukuba baye kweyona layibrari kawonkewonke ekufuphi kubo ukuya kuzizuzela lukhulu kulo mthombo ubaluleke kangaka.
7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngokwazi ukufikelela kwi-Encyclopaedia Britannica, funda uxwebhu "How to guide" oluqhotyoshelweyo olusuka kwiSixeko saseKapa.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:18

"Remote access to Britannica Library - How to Guide"  (ubukhulu: 169 KB)