1. Iilayibrari zizitshixo zothungelwano kwihlabathi jikelele nezingunobangela wokuba sikwazi ukufikelela kwingcaciso. Ngoko ke kubalulekile ukuba iilayibrari zezikolo zethu zibe ngawona maziko okwenene angumthombo wolwazi ekufundwa kuwo nokuba ukubaluleka kweelayibrari zezikolo kube yinto eqatshelwa ngokubanzi.

2. Ngo-Oktobha 2014, iilayibrari zezikolo eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela ziya kubhiyozela yaye zikhuthaze iinkonzo zelayibrari nengcaciso ezikolweni, zisebenzisa lo mxholo: "Your School Library: Mind-Map Central". Inyanga ka-Oktobha yabhengezwa njenge-International School Library Month (ISLM) yi-International Association of School Librarianship (IASL).

3. Ukubhiyozela i-ISLM makubonwe njengokuqaphela indima nokubaluleka kweelayibrari ekufundeni bonke ubomi bokuphila, o.k.t. zibonelela ngezinto zokuxhasa ulwazi lokufunda nokubhala olubalulekileyo nezokuxhasa iincwadi nezinto zokufunda nokufundisa (LSM) kwinkqubo yesikolo iphela. Uphando kumazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela ngenqanaba eliphezulu yaye baba ngabafundi (readers) abanobuchule obukhulu xa besebenzisa ilayibrari yesikolo eneencwadi ezifanelekileyo, kubandakanywa neencwadi ezithandwa ukufundwa ngabafundi kunye neeprogram ezinengcaciso eyendeleyo yeencwadi zokufunda

4. Ukwenzela ukuba kubhiyozelwe ukubaluleka kweelayibrari ngeli thuba le-ISLM, bayakhuthazwa abo baphethe iilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha 2014 olulolona luyilungele ngakumbi imeko yabo.

5. Kucelwa nivule la maxwebhu aqhotyoshelweyo:
5.1 aneengcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe iWCED zingayibhiyozela njani na i- ISLM ngo-2014
5.2 anamaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo; kunye
5.3 nelogo esemthethweni ye-ISLM yokusetyenziswa kwizinto zokufunda ezaziswa uluntu (promotional materials). (Makuqatshelwe ukuba le logo yeyokusetyenziselwa ukupapasha i-ISLM kuphela, ayenzelwanga iinjongo zorhwebo).

6. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zithumele ingxelo epheleleyo (kunye nemifanekiso) malunga nokuba zenze ntoni na ngethuba le-ISLM, ngenjongo yokuba ipapashwe, kwaba bakwa-EDULIS nakula magosa esithili alandelayo:

Cheryl Joseph Kuils River Resource Centre
I-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro East
ifoni 021 900 5111
Faith Lawrence UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
I-Ofisi yeSithili seMfundo iWest Coast
ifoni 021 860 1562
Janine Ontong UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
I-Ofisi yeSithili seMfundo iCape Winelands
ifoni 023 348 4657
Sara Clegg UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
I-Ofisi yeSithili seMfundo i-Overberg
ifoni 028 214 7387
Jennifer Caroto UMcebisi ngezeeLayibrari zeZikolo,
I-Ofisi yeSithili seMfundo iMetro North
ifoni 021 938 3197
Rose Damon EDULIS, Bellville,
I-Ofisi yeSithili seMfundo i-Eden & Central Karoo
I-Ofisi yeSithili seMfundo i-Metro East
ifoni 021 957 9626
Theresa de Young EDULIS, Bellville,
I-Ofisi yeSithili seMfundo i-Metro Central
I-Ofisi yeSithili seMfundo i-Metro South
ifoni 021 957 9638


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:18

Isihlomelo: IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 42 KB)