1. Njengabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni, sonke sinqwenela ukukhuthaza umoya wokuthanda ukufunda ezikolweni zethu nakuluntu lwethu. Ngako oko ke, kukhuthazwa iinqununu ukuba zisebenzise eli thuba linikwa ngulo Mboniso weeNcwadi waseMzantsi Afrika (South African Book Fair (SABF)) ukukhuthaza ukufunda kubantu bethu abatsha, kootitshala babo nakubazali babo.
2. I-SABF iya kubanjelwa e-Cape Town International Convention Centre ukususela nge-13 – 15 Juni 2014, yaye iya kwenza izinto ezininzi ezibandakanya ukufunda, ukwazisa iincwadi (book launches), iingxoxo zamaqela (panel discussions) neesemina, oomasifundisane kunye nemiboniso yoonopopi (puppet shows).
3. I-SABF iya kuvuleleka kuluntu ngokubanzi nakwizikolo ukuqala ngo-09:00 – 18:00 yonke imihla, ukususela ngoLwesihlanu, we-13 Juni, ukuya kutsho ngeCawa, nge-15 Juni 2014. Imali yamangeno yi-R50 ngosuku kwabadala, ibe yi-R20 kwabadla umhlala-phantsi, baze abantu abangaphantsi kweminyaka yobudala eyi-18 bangene mahala.
4. Kukhuthazwa amagosa, ootitshala nabafundi ukuba batyelele istendi seSebe leMfundo esiSiseko kumboniso weencwadi apho iSebe iWCED liya kuba lithatha inxaxheba ekuboniseni ngebhongo iilayibrari zezikolo, ukufunda nokubaliselana amabali.
5. Iinkcukacha ngezinto ezithile eziza kwenziwa ziza kuvela kwimidiya nakweli ziko lewebhu lilandelayo: http://www.thebereed.co.za/southafricanbookfair/
6. Ingcaciso engaphezulu ngalo mboniso iqhotyoshelwe apha, kungenjalo qhagamshelana noBelinda Unterslak kwi-ofisi yomboniso weencwadi, kule nombolo yefoni 011 549 8300 okanye ngale i-imeyili Belinda@ThebeReed.co.za


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:05:22

"South African Bool Fair 2014 flyer"  (ubukhulu: 130 KB)