1. USuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela sisiganeko esiqatshelwa ngamazwe ngamazwe nesisesokubhiyozela iincwadi nothando lokufunda, nesigxininisa ukubaluleka kokufunda ubomi bonke bokuphila komntu, ukukhula ngengqondo (cognitive development) nempilo qete ngokwasengqondweni (psychological wellbeing).

2. Iinjongo zokuBhiyozela uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela zezi:

  • Kukwenza kuqatshelwe ngakumbi ukubaluleka kokufunda;
  • Kukuvula izandla unike abanye abantu amathuba okufunda;
  • Kukufundisa abantu ukuba banyamekele iifasilithi zeelayibrari zabo; kunye
  • Nokubhiyozela iincwadi.
3. Umxholo ka-2014 uthi "Phucuka - funda iincwadi" ("Be smart - read books")

4. Lo mxholo ubonisa ixabiso leencwadi, oko kunokuzuzwa ngeencwadini, noncedo olukhulu lokufunda ngokuphangaleleyo.

5. ISebe iWCED liya kubhiyoza namahlakani anjengee-Publishers' Association of South Africa, i-South African Booksellers' Association, i-Department of Arts and Culture, i-Western Cape Provincial Library Services ne-Centre for the Book (ekuyiyunithi yobungcali ye-National Library of South Africa).

6. Kolu bambiswano kwenziwe kwaza kwaprintwa iphowusta enemibala eqaqambileyo nebonisa umoya wovakalelo ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela. Khangela iphowusta ethunyelwa ngekhompyutha eqhotyoshelweyo. Iiphowusta eziprintiweyo zingafumaneka apha:

Susan Hanekom EDULIS Library, Bellville ifoni 021 957 9617
Cheryl Joseph Kuils River Resource Centre,
Metro East Education District
ifoni 021 900 5111
Ntombi Mngxuma Brian O’Connell Resource Centre,
Metro South Education District
ifoni 021 370 2084
Jennifer Caroto Metro North Resource Centre,
Metro North Education District
ifoni 021 938 3197
Sara Clegg Makhosandile Ndzuzo Resource
Centre, Overberg Education District
ifoni 028 214 7387

7. Izikolo kwizithili zemfundo ezingenawo amaziko ezibonelelo zokufunda (resource centres) kufuneka ziqhagamshelane naba bantu balandelayo ukwenzela ukufumana iiphowusta:

Metro Central Education District:
Sharon Koff
Bridgette Spielman
ifoni 021 514 6756
ifoni 021 514 6702
West Coast Education District:
Faith Lawrence ifoni 021 862 7776
Cape Winelands Education District:
Janine Ontong ifoni 023 348 4657
Eden and Central Karoo Education District:
Alta Raath ifoni 082 925 0634

8. ISebe iWCED likhuthaza zonke izikolo ukuba zibhiyozele uSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela ngokulungiselela imisebenzi enxulumene nokufunda enjengale ilandelayo:
8.1 Ukwenza iiseshoni zokufunda amabali esikolweni senu
8.2 Ukulungiselela iphulo lokunikela ngeencwadi kwilayibrari yesikolo sakho
8.3 Ukuququzelela isiganeko soSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela nokumema izithethi ezaziwayo ukuba zize kuthetha ngokubaluleka kokufunda
8.4 Ukuqala iKlabhu yeeNcwadi nokuyiphehlelela ngoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela
8.5 Ukuqala iKlabhu yokuFunda nokuyiphehlelela ngoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela

9. Ukuba uneminye imibuzo kucelwa uqhagamshelane no-Theresa de Young apha 021 957 9638 okanye kule i-imeyili theresa.deyoung@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:04

"World Book Day Poster 2014"  (ubukhulu: 112 KB)