1. Enye yeenjongo zeeNkcazo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum Assessment Policy Statements (CAPS)) kukubethelela kubafundi ukwazi "ukuqokelela, ukucazulula, ukuhlela kakuhle nokuhlalutya ingcaciso ngeliso elibukhali" ("collect, analyse, organise and critically evaluate information"). Esi siphumo seCAPS sibaluleke kangaka, nesikwabizwa ngokuba lulwazi lokufunda ubhale ingcaciso (information literacy) yintsika exhasa ukufunda okusekelwe kwizibonelelo (resource-based learning) okuthi, phakathi kwezinye izinto, kubandakanye ukuthatha inxaxheba ngenkuthalo kwabafundi ekufundeni izibonelelo zokufunda ezininzi.

2. Ukuze kube nokuphunyezwa iCAPS ngempumelelo, kubaluleke kakhulu ukuba iintlobo ngeentlobo ezininzi kakhulu zeencwadi nezibonelelo zelayibrari, ukongeza kwiincwadi zezifundo neencwadi zokufunda (textbooks and readers), zenziwe zibe nokufumaneka yonke imihla ukuze zisetyenziswe ngabafundi.

3. Izabelo-mali ngokweMimiselo neMigangatho yolwabiwo-mali (Norms and Standards allocation) zezikolo zenza isibonelelo sokuthenga iincwadi nezibonelelo zelayibrari (kwakunye neencwadi zezifundo neencwadi zokufunda (textbooks and readers). Le ngcaciso ilandelayo enikwe kwiSetyhula 0048/2013 inento yokwenza noku: ISiqendu 3.1 sicebisa/sicela ukuba izikolo zichithe i-50% yesabelo-mali sazo ngokweMimiselo neMigangatho yolwabiwo-mali sika-2015 ekuthengeni iincwadi zokuncedisa ukufunda nokufundisa (LTSM), ekufuneka i-10% yaso ibekelwe ukuba isetyenziswe ekuthengeni iincwadi nezibonelelo zelayibrari.

4. Iincwadi nezibonelelo zelayibrari zibandakanya ezi zinto zilandelayo, kodwa aziphelelelanga kuzo kuphela:

  • iincwadi zokukhangela izinto-yinto (reference books) (ii-encyclopaedia, ii-atlasi nezichazi-magama (dictionaries njl. njl.)
  • iincwadi ezizii-non-fiction (iincwadi ezinengcaciso okanye izinto zokwenene)
  • iincwadi ezingamabali ayi-fiction (iinoveli, amabali amafutshane, iintsomi, iilejendi, iincwadi zemifanekiso njl. njl.)
  • iiphowusta neephamflethi
  • ii-odiyokhasethi (audiocassettes) esezirekhodiwe, iiCD, iividiyo, iiDVD nee-CD-ROM
  • ii-multi-media packages
5. INkonzo yeLayibrari yezeMfundo neNgcaciso yeSebe iWCED (WCED Education Library and Information Service (U-EDULIS)) inegqiza labahlalutyi-zincwadi abaziingcali (aBahlalutyi-zincwadi zeZibonelelo zeKharityhulam (Evaluators: Curriculum Resources)), abahlalutya baze banike ingcebiso ngezibonelelo eziziintlobo ngeentlobo ezinxulumene nekharityhulam zeelayibrari zesikolo/zeelayibrari zeklasi/nezamaziko emidiya (media centres).

6. Aba bahlalutyi-zincwadi bangancedisa ekukhetheni iincwadi nezibonelelo zelayibrari ezisemgangathweni. Unganako nokunikwa iilisti esele zilungisiwe zeencwadi nezibonelelo zelayibrari yesikolo (customised lists of school library material) wakwenza isicelo soko. le listi ikhethiweyo iya kubonisa igama lencwadi, umpapashi, inombolo ye-ISBN kunye nexabiso elithelekelelwayo (approximate price) lento nganye ekwilisti.

7. Ukucela ilisti esele ilungisiwe (customised list), izikolo zingaqhagamshelana no-Helene Johnston kule nombolo yefoni 021 957-9620 okanye ngale dilesi ye-imeyili helene.johnston@westerncape.gov.za

8. Emva kokukhetha kwezi listi sele zilungisiwe iincwadi ezicetyiswayo, izikolo ezingekho phantsi kweSiqendu 21 zingaqhoboshela ilisti kwifom yerikhwizishini u-WCED requisition form WCED 034: "REQUISITION FOR LIBRARY MATERIAL 2014/15" zize ziyingenise kwi-ofisi ye-LTSM ungadlulanga owe-25 Apreli 2014, ekungumhla wokuqala omiselwe ukungeniswa kweerikhwizishini eziphambili (major requisitions) ngokweSetyhula 0048/2013. Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 zingayisebenzisa ilisti zithenge ngqo kubathengisi (purchase directly from suppliers).

9. Malunga neenkcukacha ezitwe netshe, nceda qhagamshelala no-Theresa de Young kule nombolo 021 957-9638 okanye ngale dilesi ye-imeyili Theresa.deyoung@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:04