1. Ukwenzela ukuphucula ulawulo lwezikim zothutho lwabafundi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liqalise ngesistim ephuculweyo esebenzisa ikhompyutha (automated system) ukungqinisisa amagama abafundi abathuthwayo njengangoku. Izikolo zazazisiwe ngoku kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo 0001 ka-2014 yaye zaye zacelwa ukuba zibonise kwi-Central Education Management Information System (CEMIS) ukuba ngabaphi abafundi bamaBakala R - 12 abasebenzisa njengangoku uthutho lwabafundi oluhlawulelwa ngengxowa-mali yeSebe iWCED.

2. Ngenxa yemingeni ethe yavela kumashini wokusayinela idatha kwiCEMIS, ezinye izikolo azizange zibenako ukuyisayinela. Ngenxa yeso sizathu inkqubo yokufakwa kwedatha kwikhompyutha nokuyisayinela iye yahlehliselwa ukuba iphele ngomhla we-17 Apreli 2014.

3. Kucelwa izikolo ukuba zilandele ngqo imiyalelo ekwikhompyutha (in the online procedure manual) ukuzalisa idatha kwikhompyutha. Ukufikelela kwi-online manual kwi-CEMIS, izikolo mazenze oku kulandelayo:

  • Yiya kwi-menu page;
  • Beka ikhesa kwisihloko esithi "Administration" (kuya kuvela kuluhlu olukwiskrini oku "Learner Transport Scheme");
  • Beka ikhesa ku-"Learner Transport Scheme" option (kuya kuvela kuluhlu olukwiskrini oku "LTS guide");
  • Klikha ku-"LTS guide".
4. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba maziqinisekise ukuba kuboniswa kuphela abafundi abakufaneleyo (who qualify) ukuthuthwa ngokomgaqo-nkqubo wothutho lwabafundi okhoyo ngoku weSebe iWCED (ISetyhula 25 ka-2013).

5. Apho izikolo zineendlela ezingaphezu kwenye, makwenziwe ngenyameko ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abafundi bafakwa kwindlela echanekileyo nangokunjalo kwiindawo abathathwa kuzo xa besiya esikolweni.

6. Izikolo ziya kuba nako ukufaka kwikhompyutha elona nani labafundi likhulu livumelekileyo (kubandakanywa nabeBakala R) kwindlela nganye yothutho lwabafundi. Makwenziwe isicelo sokufaka abafundi abongezelelweyo kusetyenziswe ifom yesicelo emiselweyo, oko kwenziwe ngokudlula kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo.

7. Ukufakwa kwikhompyutha kweenkcukacha zothutho lwabafundi makugqitywe ungadlulanga uLwesine, we-17 Apreli 2014.

8. Kufuneka inqununu yesikolo izisayinele iinkcukacha zothutho lwabafundi kwi-CEMIS.

9. Kungaqhagamshelwana naba bantu balandelayo xa kufunwa uncedo malunga nokufakwa kweenkcukacha zothutho lwabafundi kwi-CEMIS:

  Keith Lackay ifoni 021 467 2327
Roderick Biscombe ifoni 021 467 2135
Dion Seekoei ifoni 021 467 2143
Rhonell de Vries ifoni 021 467 2136
Catherine Ngamlana-Jara ifoni 021 467 9244


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:04