1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelela ngothutho lwabafundi abahlala kumgama oziikhilomitha ezi-5 okanye ongaphezu koko ukusuka kwesona sikolo sikarhulumente sikufutshane sifanelekileyo. Abafundi abangenako ukufikelela kwizithuthi zikawonke-wonke kwiindawo ezisemaphandleni nakwiindawo ezikude (outlying areas) baqwalaselwa kuqala kunabezinye iindawo. Inani lilonke labafundi abathuthwayo lixhomekeke kwibhajethi yothutho ekhoyo.

2. Ukuphucula ulawulo lwezikim zothutho lwabafundi, iSebe iWCED liya kuqalisa isistim ephuculweyo esebenzisa ikhompyutha (automated system) ukungqinisisa amagama abafundi abathuthwayo njengangoku.

3. Isistim ephuculweyo esebenzisa ikhompyutha ibandakanya ukubonisa kwi-Central Education Management Information System (CEMIS) ukuba ngabaphi abafundi bamaBakala R - 12 abasebenzisa njengangoku uthutho lwabafundi oluhlawulelwa ngengxowa-mali yeSebe iWCED. Oku kudibanisa nezikolo apho umsebenzi wokuqesha izithuthi zothutho lwabafundi uye wadluliselwa esikolweni nalapho iimali zokuhlawulela le nkonzo ziye zithunyelwe esikolweni eso liSebe iWCED.

4. Kufuneka izikolo zingene kwi-CEMIS phakathi komhla we-17 nowe-26 Matshi 2014, ukulandela imiyalelo emayisetyenziswe ekwikhompyutha (online procedure manual) engokufaka inombolo yendlela (route number) nenkcazo yayo, nokubonisa ukuba ngabaphi abafundi abagunyazisiweyo njengangoku ukuba bathuthwe. Ukufikelela kwionline manual kwi-CEMIS, izikolo mazenze oku kulandelayo:

  • Yiya kwi-menu page;
  • Beka ikhesa kwisihloko esithi "Administration" (kuya kuvela kuluhlu olukwiskrini oku "Learner Transport Scheme");
  • Beka ikhesa ku-"Learner Transport Scheme" option (kuya kuvela kuluhlu olukwiskrini oku "LTS guide");
  • Klikha ku-"LTS guide".
5. Iinqununu maziqinisekise ukuba kuboniswa kuphela abafundi abakufaneleyo ukuthuthwa ngokomgaqo-nkqubo wothutho lwabafundi okhoyo ngoku weSebe iWCED (ISetyhula 25 ka-2013).

6. Apho izikolo zineendlela ezingaphezu kwenye, makwenziwe ngenyameko ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abafundi bafakwa kwindlela echanekileyo nakwiindawo abathathwa kuzo abafundi xa besiya esikolweni.

7. Izikolo ziya kuba nako ukufaka kwikhompyutha elona nani labafundi likhulu livumelekileyo (kubandakanywa nabeBakala R) kwindlela nganye yothutho lwabafundi. Makwenziwe isicelo sokufaka abafundi abongezelelweyo kusetyenziswe ifom yesicelo emiselweyo, oko kwenziwe ngokudlula kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo.

8. Ukufakwa kwikhompyutha kweenkcukacha zothutho lwabafundi makugqitywe ungadlulanga uLwesithathu, we-26 Matshi 2014.

9. Kunyanzelekile ukuba zonke izikolo ezinezikim zothutho lwabafundi ezihlawulelwa ngengxowa-mali yeSebe iWCED zifake ingcaciso efunekayo kwi-CEMIS.

10. Kuphela ngabafundi abangqinwayo zizikolo kwinkqubo esebenzisa ikhompyutha abanokuxhamla kwizikim zothutho lwabafundi zeSebe iWCED. Izikolo nee-ofisi zezithili zemfundo ziya kuba nako ukubabona abafundi abavunyiweyo kwindlela nganye kwi-CEMIS bakubanje abafundi befakwe ekhompyutheni ngempumelelo.

11. Kwaye kwenziwa amalungiselelo okuba i-WCED 062 form (yamagama abafundi abaya kuthuthwa) ibe nokuprintwa kwi-CEMIS. Iinkcukacha ezingaphezulu malunga nokuba mayisetyenziswe njani ifom i-WCED 062 eveliswayo iya kuthunyelwa kamva.

12. Kufuneka inqununu yesikolo izisayinele iinkcukacha zothutho lwabafundi kwi-CEMIS.

13. Kungaqhagamshelwana naba bantu balandelayo xa kufunwa uncedo malunga nokufakwa kweenkcukacha zothutho lwabafundi kwi-CEMIS:

Keith Lackay ifoni 021 467 2327
Roderick Biscombe ifoni 021 467 2135
Dion Seekoei ifoni 021 467 2143
Rhonell de Vries ifoni 021 467 2136
Catherine Ngamlana-Jara ifoni 021 467 9244


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:03