1. Intshayelelo
1.1 Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa zonke ii-ofisi zezithili nezikolo ngenkqubo yokuthenga ifanitshala nezixhobo zokusebenza.
1.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linemvumelwano yeminyaka emithathu yokuthenga ifanitshala nabathengisi ukuba babonelele ngefanitshala zonke izikolo ezikwiPhondo leNtshona Koloni. Le mvumelwano ibandakanya ii-ayithem eziyi-30 zefanitshala yesikolo kwikhatalogu eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A). Nakuba kunjalo, izikolo zinoku-odola kuphela kwilisti yee-ayithem ezicetyiswayo ezikwifom eqhotyoshelweyo iWCED 026A (IsiHlomelo B).
1.3 Ii-ayithem zezixhobo zokusebenza ezikwifom WCED 026B (IsiHlomelo C) zipapashwe kwi-Trade World, ngokusebenzisa u-Sourcelink oyisistim yokuthenga ngekhompyutha.

2. Inkqubo yokuthenga izixhobo zokusebenza nefanitshala yezikolo ezitsha
2.1 I-ofisi yesithili semfundo mayenze irikhwizishini yesikolo esitsha ize iyingenise kwaNdlunkulu. Oku makwenziwe zingadlulanga iinyanga ezi-4 phambi kokuvulwa kwesikolo eso.
2.2 La maxwebhu alandelayo makahambe kunye nesicelo ngasinye sezixhobo zokusebenza nefanitshala yesikolo esitsha:

  • Ifom iWCED 026A ezalisiweyo yefanitshala
  • Ifom iWCED 026B ezalisiweyo yezixhobo zokusebenza
  • Ileta yemvume yokuvulwa kwesikolo esitsha
3. Inkqubo yokuthenga izixhobo zokusebenza nefanitshala yezikolo ezikhoyo (yokongezelela)
3.1 Zonke izicelo zokuthenga izixhobo zokusebenza nefanitshala ezivela kwizikolo ezilolu hlobo mazingeniswe ungadlulanga owe-6 Februwari 2015 kumphathi weze-IMG ochaphazelekayo.
3.2 Ifom iWCED 026A ezalisiweyo yerikhwizishini yefanitshala mayihambe kunye nesicelo sezixhobo zokusebenza nefanitshala (yokongezelela) ezingeniswa zizikolo ezikhoyo:
3.3 Abalawuli bezithili zemfundo mabahlole iimfuno zefanitshala nezezixhobo zokusebenza (furniture needs) kuzo zonke iisekethe baze benze ilisti ebonisa ezona ayithem mazibekwe phambili (prioritised list) zingqinelaniswe nebhajethi ekhoyo. Le listi ebonisa ii-ayithem emazibekwe phambili mayithunyelwe kwiCandelo loMlawuli oyiNtloko wee-Ofisi zeZithili ungadlulanga owe-27 Februwari 2015 ngenjongo yokufumana imvume nokuba isayinwe.
3.4 Ii-ofisi zezithili zemfundo mazazise izikolo ukuba ngaba izicelo zazo zibe yimpumelelo na, zifuna ukufakelwa izilungiso okanye azamkelwanga kusini na.
3.5 ICandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo liya kwenza ii-odolo zefanitshala eceliweyo kubathengisi ekuvunyelwene nabo ekuqaleni konyaka-mali omtsha. Abathengisi badla ngokuzizisa iimpahla zingadlulanga iiveki ezi-4 – 6 ukususela kumhla wokwenziwa kwe-odolo.
3.6 Imvumelwano yefanisthala inethuba lewaranti yonyaka omnye kunye nale migqaliselo ilandelayo:

  • Xa kukho imfuneko yoko, izikolo ezifumene ifanitshala eyonakeleyo mazazise uNdlunkulu ngokukhawuleza ngokungenisa ingxelo ebhaliweyo kule dilesi ye-imeyili ilandelayo: Jerome.Gordon@westerncape.gov.za
  • Kwii-ayithem ezithi zonakele kwakunyaka wokuqala zifunyenwe sisikolo, iSebe iWCED malithetha-thethane nabathengisi ukwenzela ukuba benze amalungiselelo okuzitshintsha ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka.
3.7 Izikolo mazinga-odoli fanitshala ngqo kubathengisi. Iintlawulo zee-odolo ezilolu hlobo ziya kuba zeze-akhawunti yesikolo.
3.8 Izikolo esele zikho zicetyiswa ukuba zisebenzise isabelo sazo ngokweMimiselo neMigangatho yolwabiwo-mali lwaqho ngonyaka kunye neengxowa-mali zezikolo ukuthenga nokulondoloza izixhobo ze-ofisi nezinye izixhobo zokuncedisa ekwenzeni lula umsebenzi.

4. Ulawulo lwefanitshala nezixhobo zokusebenza ezikolweni
4.1 Izikolo maziseke ikomiti yokuthenga iimpahla neenkonzo eya kuba noxanduva lokugcina iirekhodi ezinengcaciso ehlaziywa qho yezixhobo zokusebenza nefanitshala. (Funda isikhokelo i-Basic Financial Systems for Schools.)
4.2 Ifanitshala engasafunekiyo mayikhutshwe (written off) ize isuswe emva kokuba kuthathwe isigqibo soko kwintlanganiso yokuchithwa kweempahla. Imizuzu mayirekhode isigqibo esilolu hlobo size eso sigqibo senziwe sifumaneke ngeenjongo zokubekwa esweni.
4.3 Ifanitshala eyaphukileyo esengalungiswa mayigcinwe kakuhle ukuthintela umonakalo ongaphezulu.
4.4 Iirekhodi ze-inventri ezinengcaciso ehlaziyiweyo (ubhaliso lwabafundi beklasi nganye, izixhobo zokusebenza nefanitshala ekhoyo, izinto ezishotayo) ezingqina imfuneko yezinto ezifuna ukongezelelwa mazifumaneke kwakwenziwa isicelo soko. Ukwenzela ukukhusela ii-asethi ekwebiweni, ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizifake uphawu (mark) zonke ii-ayithem zezixhobo zokusebenza nefanitshala, ngokukodwa izitulo zeplastikhi zeholo.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:10:07

"School Furniture Catalogue 2013 – 2016"  (ubukhulu: 614 KB)
"WCED 026A form"  (ubukhulu: 38 KB)
"WCED 026B form"  (ubukhulu: 28 KB)