1. Kubalulekile ukuba zonke izicelo zothutho lwabafundi ukulungiselela uJanuwari 2015, zingeniswa kwangethuba ukuqinisekisa ukuba zinokuqaliswa kwangethuba ezi nkonzo zilolu hlobo.

2. Apho kukho iimfuno yokuthuthwa kwabafundi abahlala kumgama oziikhilomitha ezi-5 okanye ngaphezulu ukusuka kwisikolo esifanelekileyo esisesona sikufutshane kwizithili ezisemaphandleni, masizaliswe yaye singeniswe kwisithili isicelo sesikim sokuthuthwa kwabafundi (LTS) esihamba kunye nezizathu ezivokothekileyo.

3. Ukuqaliswa kwangethuba kweendlela ezintsha ukulungiselela uJanuwari 2015:
3.1 Izicelo zeendlela ezintsha eziza kuqalwa ukususela ngoJanuwari 2015 mazingeniswe kuMphathi weKomiti yeSekethe yesikolo ungadlulanga owe-3 Oktobha 2014 ukuqinisekisa ukuba iinkonzo ezilolu hlobo ziqaliswa kwangethuba.
3.2 Isithili masisingathe yaye sigqibezele zonke izicelo zeendlela ezintsha yaye masizingenise izicelo ezilolu hlobo kwicandelwana leLTS ukuze ziqwalaselwe nguMnu MJ Hendricks, uSekela-Mlawuli weLTS ungadlulanga owe-10 Oktobha 2014.

4. Ukubandakanywa kwangethuba kwabafundi abongezelelweyo nokwandiswa kweendlela ukulungiselela uJanuwari 2015:
4.1 Izicelo zabafundi abongezelelweyo kunye/okanye neendlela ezandisiweyo ukususela ngoJanuwari 2015, mazingeniswe kuMphathi weKomiti yeSekethe yesikolo ungadlulanga owe-17 Oktobha 2014 ukuqinisekisa ukuba bayavunywa kwangethuba abafundi abalolu hlobo yaye neenkonzo ziqaliswa kwangethuba.
4.2 Isithili masisingathe yaye sigqibezele zonke izicelo zeLTS zabafundi abongezelweyo neendlela ezandisiweyo yaye masizingenise izicelo ezilolu hlobo kwicandelwana leLTS ukuze ziqwalaselwe nguMnu MJ Hendricks, uSekela-Mlawuli weLTS : ungadlulanga owe-31 Oktobha 2014.

5. Ukubandakanywa kwangethuba kwabafundi beBakala R abaya kudlulela kwiBakala 1 ngo-2015:
5.1 Abafundi beBakala R bavumeleke u-2014 kuphela kwesi skim sothutho lwabafundi. Izicelo ezitsha zeLTS mazingeniselwe bonke abafundi beBakala R abathuthwayo kungokunje nabaya kuba bedlulela kwiBakala 1 kwizikolo abakuzo ngoku ngo-2015.
5.2 Izicelo zabafundi beBakala R abathuthwayo njengangoku nabaya kuba bedlulela kwiBakala 1 kwizikolo zabo zangoku mazingeniswe kuMphathi weKomiti yeSekethe yesikolo ungadlulanga owe-17 Oktobha 2014, ukuqinisekisa ukuba abafundi abalolu hlobo bavunywa kwangethuba yaye babandakanyiwe ngokunjalo.
5.3 Isithili masisingathe yaye sigqibezele zonke izicelo zeLTS zabafundi beBakala R abathuthwayo ngoku nabaya kudlulela kwiBakala 1 kwizikolo abakuzo ngo-2015 size sizingenise izicelo ezilolu hlobo kwicandelwana leLTS ukuze ziqwalaselwe nguMnu MJ Hendricks, uSekela-Mlawuli weLTS ungadlulanga owe-31 Oktobha 2014.
5.4 Kucelwa ufumane le shedyuli iqhotyoshelwe apha yenani labafundi beBakala R ababevunyiwe nababandakanyiweyo kwizikolo ezicacisiweyo (specified schools) ukulungiselela iindlela ezicacisiweyo (specified routes) ngo-2014. Izikolo ezicacisiweyo kule shedyuli maziqinisekise ukuba izicelo ezitsha zingeniswa njengoko kuchaziweyo apha ngasentla ngomfundi ngamnye oya kudlulela kwiBakala 1 kwizikolo abakuzo ngo-2015.

6. Mayilandelwe ngokungqongqo le migqaliselo ikule ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-M M HARKER
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:26

"Summary of Grade R learners approved on existing LTS for 2014 academic year"  (ubukhulu: 44 KB)