1. Ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukusebenza ngokukhawuleza nangempumelelo enkulu kweenkqubo zokugaya nokukhetha abasebenzi, sele kwenziwe isigqibo ngenani leebhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini nezabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini zango-2015.
2. Ziya kuba ne (4) iibhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini ngo-2015 apho umhla wokuqalisa umsebenzi uya kuba lusuku lokuqala lwekota yesikolo nganye.
3. Ziya kuba ne (4) iibhulethini zezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abaseziofisini apho umhla wokuqalisa umsebenzi uya kuba lusuku lokuqala lwenyanga nganye elandela umhla wokuvunywa kokuqeshwa. Kucelwa niqaphele ukuba ibhulethini yezithuba yokugqibela ku-2015 yabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini iya kuba yeyomhla we-4 Septemba 2015, kodwa nakuba kunjalo, iinkqubo zokwenza uluhlu olufutshane nezodliwano-ndlebe ziya kugqityezelwa kuphela ngoSeptemba/Oktobha 2015.
4. Ezi bhulethini zezithuba ziqhotyoshelweyo zecandelo ngalinye elichaphazelekayo ziya kunika ithuba locwangciso oluqingqiweyo.
5. Kubongozwa abaphathi bamacandelo ukuba bangqinelane ngqo nala maxesha acacisiweyo. Kukwacelwa ke ngoko, nokuba izaziso zezithuba zingeniswe kwi-Recruitment and Selection Centre ngooLwezithathu, ubuncinane kwiveki enye phambi komhla wopapasho lwezaziso zezithuba.
6. Izaziso zezithuba eziza kupapashwa mazingeniswe zihamba kunye neenkcukacha zawo onke amalungu ephaneli, imihla yokwenziwa koluhlu olufutshane lwabagqatswa (shortlisting) nemihla yodliwano-ndlebe. Oku kuya kwenza abo bakwicandelo le-Recruitment and Selection Centre bakwazi ukwaba izibonelelo (resources) ngempumelelo enkulu nangokusebenzayo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:17

"Public service staff"  (ubukhulu: 24 KB)
"Office based educator staff"  (ubukhulu: 23 KB)