1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhuphha iZintlu zeZithuba ezi-3 ngo-2015 zabasebenzi benkonzo karhulumente abakumaziko.
2. Imihla yopapasho lwezi Zintlu zeZithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwesi sihlomelo siqhotyoshelwe apha.
3. Zonke izithuba ezingenamntu zenkonzo karhulumente zabasebenzi abakumaziko kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiZintlu zeZithuba eziboniswe kwesi sihlomelo.
4. Zonke izithuba ezingenamntu/ezixhaswa ngemali ezikumahlelo akwisihlomelo ziya kuthathwa kumanani abasebenzi abaqeshwe kumaziko eSebe iWCED ukwenzela ukuba zipapashwe. Akukho mfuneko ke ngoko yokuba amaziko angenise izicelo kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi.
5. Izicelo mazingeniswe ngohlobo olucaciswe kwisandulela soLuhlu lweZithuba ngalunye.
6. Ezi Zintlu zeZithuba ziya kusasazwa yiRejistri yeSebe iWCED, yaye ziya kufumaneka kwi-Walk-in Centre yeSebe iWCED kwaNdlunkulu okanye kwiZiko leWebhu leSebe iWCED apha http://wcedonline.pgwc.gov.za/. Klikha ku-"Vacancies" kwikhasi leziko lewebhu (website's home page).
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo kwaye iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwenkqubo yezengqesho.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:10:22

"Institution-Based Public Service Posts 2015 Roster"  (ubukhulu: 22 KB)