1. Ukwenjenje iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lazisa bonke abathathinxaxheba ngokubaluleka koMntu osiSazi ngethuba leenkqubo zokugaya nokukhetha ooTitshala abakumaZiko, ngokweSahluko B, kumhlathi 3.3(b)(i) we-Personnel Administrative Measures and Provincial Education Labour Relations Council (PELRC) Resolution 1/2002).

2. Ngethuba leenkqubo zokugaya nokukhetha ooTitshala abakumaZiko uMntu osiSazi kufuneka:
2.1 Aqinisekise ukungqinelana nokubeka esweni kunye nokulandelwa kwenkqubo yokugaya nokukhetha abasebenzi eyenziwa ngobulungisa ngenene ingakhethi cala.
2.2 Anike ingcebiso (xa kulungiswa imibuzo, enze uqeqesho ngenkqubo yokugaya abasebenzi) aze anike inkxaso (ngokunika uncedo nenkxaso kwinkqubo, kubandakanywa ukwabiwa kwamanqaku ngokwenkqubo yoBulungisa kwezeNgqesho) kwiphaneli eyenza udliwano-ndlebe.
2.3 Axele naziphi na izitenxo neekhomenti ngeenkqubo ezilandelweyo kuMlawuli weSithili ochaphazelekayo nakuMlawuli wokuGaya nokuKhetha abasebenzi. Oku kufuneka kufakwe kwimizuzu yeentlanganiso, lubhalwe phantsi uhlobo lwesitenxo eso nenkqubo elandelweyo.
2.4 Aququzelele inkqubo yokugaya abasebenzi:

  • aqinisekise ukuba izizathu ezixhasayo ngaloo mgqatswa (ngabo bagqatswa) ukhethiweyo ziyayingqina njengeyenziwe ngobulungisa inkqubo yokutyumba (nomination);
  • aqinisekise ukuba izizathu zokungafakwa/zokufakwa komgqatswa ngamnye ziyangqinelana neekhrayitheriya ezibekiweyo; aze
  • asayine uluhlu lokutshekisha ukuba wanelisekile kukuqhutywa kwenkqubo ngokwemigaqo.
3. IsiHlomelo A esiqhotyoshelwe apha sishwankathela okulindelekileyo ngokunxulumene noMntu osiSazi nobuchule ekufuneka ebubonakalisile.

4. Amabhunga olawulo ezikolo/iiphaneli zodliwano-ndlebe kufuneka ziyihloniphe indima yoMntu osiSazi njengommeli weSebe iWCED.

5. Intsebenziswano yomntu wonke ochaphazelekayo iya kuqinisekisa impumelelo yalo msebenzi obaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:10:22

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 33 KB)