1. Isiqendu uSection 6A of the Employment of Educators Act (EEA), 1998 (Act 76 of 1998) (uMthetho 76 ka-1998) ucacisa ngokuqeshwa isigxina kootitshala abasandula ukufumana iziqinisekiso zabo zobutitshala kungakhange kube kuqalwe kwapapashwa isithuba eso sixhaswa ngemali kuluhlu lwezithuba.

Utitshala osandula ukufumana isiqinisekiso sakhe sobutitshala ngumfundi okunyaka wokugqibela kunye/okanye ngutitshala oneziqinisekiso zamabanga emfundo ofumene iziqinisekiso zamabanga akhe emfundo kwiminyaka emibini edlulileyo nongazange afumane thuba lokuqeshwa kwisithuba sikatitshala kwingqesho karhulumente.


2. Ukuqeshwa kwisithuba esisisigxina njengoko kucingwayo apha ngasentla kwenziwa ngokwesigqibo enelungelo lokusenza intloko yesebe lemfundo yephondo.

3. Ootitshala abasandula ukufumana isiqinisekiso samabanga emfundo banako ke ngoko (ngoko nangoko) ukuqeshwa isigxina kungakhe kupapashwe zithuba, phantsi kwale miqathango elandelayo.
3.1 Ukuqeshwa isigxina makwenziwe kwisithuba seNqanaba 1 esingenamntu esixhaswa ngemali kwaye isithuba eso masibhalwe kwizithuba ezitsha zootitshala ezabelwe izikolo ngo-2015.
3.2 Utitshala osandula ukuphumelela izifundo zamabanga obutitshala:

  • Kufuneka ubuncinane abe ngumfundi okunyaka wokugqibela onenjongo yokugqiba ibanga lemfundo yakhe engadlulanga u-2014, abe ngaloo ndlela sele efumene uqeqesho lobutitshala phambi kwe-01 Januwari 2015;
  • aziphumeze iimfuno ezingummiselo zentsusa zesithuba ekuya kuqeshwa kuso; yaye
  • abe ubhalisile kwiSouth African Council of Education (SACE).
4. Abatyunjelwe (nominations) ukuqeshwa isigxina mabathunyelwe kule dilesi elandelayo:

Recruitment and Selection Centre
Western Cape Education Department
Private Bag X9183
Cape Town
8000


5. Le ngcaciso kwakhona inika ithuba lokulandelwa kwale mimiselo yomgaqo-nkqubo elandelayo:
5.1 Apho esi sithuba sitsha sabelwe iziko, oku kusenziwa ngokwenani lootitshala abaqeshwe kwiziko elo ukwenzela u-2015, isithuba esilolo hlobo sinokuzaliswa isigxina ngokwemimiselo ecaciswe apha ngezantsi.
5.2 Amabhunga olawulo ezikolo neenqununu banokucela uluhlu lwabafumana ibhasari iFunza Lushaka kwicandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi (Recruitment and Selection) ukugaya nokukhetha abagqatswa abafanelekileyo ukuze bafumane ukuqeshwa.

6. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba le ngcaciso emfutshane yaziswa amabhunga olawulo ezikolo nootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo oku.

7. Le ngcaciso emfutshane isebenza kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:16

"Employment of Educators Act (EEA), 1998 (Act 76 of 1998)"  (ubukhulu: 160 KB)
"Management plan for handling of new entrants/newly qualified educators"  (ubukhulu: 34 KB)