1. NgoNovemba 2013, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) lakhupha iRosta yeZithuba zooTitshala (Educator Vacancy Roster) yango-2014.

2. Irosta yezithuba inezintlu zezithuba ezintathu (3) kwaye ingqinisisa ukuba iZintlu zeZithuba eziZodwa ziya kukhutshelwa izithuba zeeNqununu namaSekela Nqununu ezifunekayo apho kuyimfuneko.

3. Ukunciphisa iindleko zokupapasha, kucelwa abathathi-nxaxheba baqinisekise ukuba ezi zithuba zipapashiwe kwizintlu zezithuba ezicwangcisiweyo. IZintlu zeZithuba eziZodwa zeeNqununu namaSekela Nqununu mazicelwe kuphela phantsi kweemeko ezizodwa, ezibandakanya:

  • Ukusweleka;
  • Ukugxothwa emsebenzini;
  • Ukuyeka emsebenzini; kunye
  • Nokudityaniswa kwezikolo (Mergers/ amalgamations)
4. Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuqinisekisa ukusetyenziswa ngokuthe ngqo kwale nkqubo ibalulekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:23

"Request for Special Vacancy List"  (ubukhulu: 73 KB)