1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liya kukhuphha iZintlu zeZithuba 2 zaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente abakumaZiko zango-2014.
2. Imihla yopapasho lwezi Zintlu zeZithuba, kwakunye neminye imihla ebalulekileyo, ikwesi sihlomelo siqhotyoshelwe apha.
3. ISebe iWCED aliyi kuba neZintlu zeZithuba ezahlukeneyo kwizithuba ezikumanqanaba angafaniyo. Zonke izithuba ezingenamntu zeNkonzo kaRhulumente zaBasebenzi abakumaZiko kufuneka ke ngoko zipapashwe kwiZintlu zeZithuba eziboniswe kwesi sihlomelo.
4. Izithuba ezingenamntu/ezixhaswa ngemali ziya kuqatshelwa ngokusebenzisa inani labaqeshwe kwiziko (staff establishment) leSebe iWCED zize zipapashwe ngoko nangoko lisebe lemfundo.
5. Izicelo mazingeniswe ngohlobo olucaciswe kwisandulela soLuhlu lweZithuba ngalunye.
6. Ezi Zintlu zeZithuba ziya kusasazwa nguRegistry weSebe iWCED, yaye ziya kufumaneka kwi-Walk-in Centre yeSebe iWCED kwaNdlunkulu okanye kwiZiko leWebhu leSebe i-WCED apha http://wced.school.za/home/home.html Klikha ku-"Vacancies" kwikhasi leziko lewebhu (website’s home page).
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo kwaye iya kuqinisekisa ulawulo ngempumelelo lwenkqubo yezengqesho.


ISAYINWE: NGU-JOHN LYNERS
IBAMBELA-NTLOKO LESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:03

Isihlomelo: "Institution-Based Public Service Posts"  (ubukhulu: 26 KB)