1. Ukwenzela ukuba kuqinisekiswe ukusebenza ngokukhawuleza nangempumelelo enkulu kweenkqubo zokugaya nokukhetha abasebenzi, sele kwenziwe isigqibo ngenani leebhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini nezabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini zango-2014.
2. Ziya kuba ne (4) iibhulethini zezithuba zootitshala abasezi-ofisini ngo-2014 apho umhla wokuqalisa umsebenzi uya kuba lusuku lokuqala lwekota yesikolo nganye.
3. Ziya kuba li-11 iibhulethini zezithuba zabasebenzi benkonzo karhulumente abaseziofisini apho umhla wokuqalisa umsebenzi uya kuba lusuku lokuqala lwenyanga nganye elandela umhla wokuvunywa kokuqeshwa. Kucelwa niqaphele ukuba ibhulethini yezithuba yokugqibela ku-2014 yabasebenzi benkonzo karhulumente abasezi-ofisini iya kuba yeyomhla we-14 Novemba 2014, kodwa nakuba kunjalo, iinkqubo zokwenza uluhlu olufutshane nezodliwanondlebe ziya kugqityezelwa ngoJanuwari/Februwari 2015.
4. Ezi bhulethini zezithuba ziqhotyoshelwe apha zalo ngalinye lamacandelo achaphazelekayo ziya kunika ithuba locwangciso oluqingqiweyo.
5. Kubongozwa abaphathi bamacandelo ukuba bangqinelane ngqo nala maxesha acacisiweyo. Kucelwa, ke ngoko, ukuba izaziso zezithuba zingeniswe kwi-Recruitment and Selection Centre ngooLwezithathu, ubuncinane kwiveki enye phambi komhla wopapasho lwezaziso zezithuba.
6. Izaziso zezithuba eziza kupapashwa mazingeniswe zihamba kunye neenkcukacha zawo onke amalungu ephaneli, imihla yokwenziwa koluhlu olufutshane lwabagqatswa (shortlisting) nemihla yodliwanondlebe. Oku kuya kwenza abo bakwicandelo le-Recruitment and Selection Centre bakwazi ukwaba izibonelelo (resources) ngempumelelo enkulu nangakumbi.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:01:16

"Vacancy Bulletin Roster for Office-based Educators: 2014"  (ubukhulu: 25 KB)
"Vacancy Bulletin Roster for Office-based Public Service Staff: 2014"  (ubukhulu: 31 KB)