1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likuxabisile ukuzimisela kwabaqeshwa benkonzo karhulumente ekwandiseni ulwazi lwabo lwemfundo nasekuphuhliseni izakhono zabo.

2. Ngenxa yesi sizathu, iSebe iWCED lincedisa abaqeshwa ngemali ukuba baqhubele phambili nezifundo zabo, kwaye licela abaqeshwa benkonzo karhulumente abanqwenela ukwenza izifundo ngokungesosigxina (part-time) ngo-2015 ukuba benze izicelo zeebhasari.

3. Iibhasari ziya kunikwa abenzi-sicelo kuphela ukuba:

4. Zonke izicelo ziya kuphononongwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

  • Ukufaneleka kwenkalo yezifundo ekujoliswe kuyo ngokunxulumene neemfuno zangoku nezexesha elizayo zeSebe iWCED;
  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo yezakhono ezithile okanye ezinqabileyo;
  • Ubulungisa kwezengqesho (ngokohlanga, isini, ukhubazeko);
  • Iindawo zasemaphandleni xa kuthelekiswa nezasezidolophini;
  • Ukufaneleka kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile;
  • Ukufaneleka ngokwenjongo yezophuhliso (developmental relevance);
  • Amanqanaba omvuzo;
  • Ukufumaneka kwemali;
  • Izifundo zasemva kwesidanga sokuqala okanye sesibini xa kuthelekiswa nezifundo zesidanga sokuqala; kunye
  • nengcebiso yesuphavayiza, nekufuneka iqhotyoshelwe kwisicelo.
5. Izicelo zezi nkalo zezifundo zilandelayo, apho kukho ukunqongophala kwabasebenzi abaqeqeshiweyo kunye/okanye imfuno yeSebe ethe gqolo, ziya kunikwa ingqwalaselo kuqala:

Ino. Uhlobo lwesiqinisekiso Inkalo yesifundo
1. Isidanga okanye idiploma Supply Chain Management, Procurement Management
2. Isidanga okanye idiploma Financial Management, Financial Management Systems, Accounting, Auditing
3. Isidanga okanye idiploma Human Resource Management
4. Isidanga okanye idiploma Public Management
6. Zonke izicelo mazingeniswe ngekhompyutha (online) ungadlulanga umhla wokuvala – ongulo uLwesihlanu, 12 Septemba 2014. I-URL yezicelo zeebhasari yile sdsd http://bursaries.westerncape.gov.za/

7. Ngasinye isicelo sebhasari esingeniswa ngekhompyutha masibe nala maxwebhu alandelayo:

  • Ifom ezalisiweyo yeSicelo seBhasari yokuFunda (Iyafumaneka ekhompyutheni (online)).
  • Uqikelelo lweendleko zokufunda olubhaliweyo (ezobhaliso, ezezifundo nezinye iindleko ezinxulumene nezifundo) zonyaka wezifundo ka-2015. Le ngcaciso iyafumaneka kumaziko emfundo ephakamileyo.
  • Ingcebiso yesuphavayiza ebhalwe kwifom yokwenza isicelo.
8. Aziyi kuqwalaselwa izicelo ezifike emva kwexesha elibekiweyo, ezithunyelwe ngefeksi okanye engabonakaliyo into ebhalwe kuzo.

9. IKomiti yeBhasari iya kuqwalasela zonke izicelo, ize emva koko yenze iingcebiso zokukhutshwa kweebhasari. Imali eyabelwe ibhasari ayisayi kuba ngaphezulu, kodwa oko kungathethi ukuba kuya kuhlawula iindleko zonke neefizi zezifundo. Inani lezicelo zeebhasari elifunyenweyo kunye nemali efumanekayo ziya kusetyenziselwa ukubala inani leebhasari elikhutshwayo.

10. Ngamnye umenzi-sicelo ophumeleleyo uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokunika inkonzo yonyaka omnye ngonyaka ngamnye wokunikwa kwakhe ibhasari nokuthobela eminye imigqaliselo ekhankanywe kwimvumelwano.

11. Ungathandabuzi ukuqhagamshelana nabantu abakhankanywe kwiletahedi yale ngcaciso emfutshane ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngeskim seebhasari.

12. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abakwicandelo lakho bayakwazi okukule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:14

"Public Service Act, 1994"  (ubukhulu: 186 KB)