1. IProgram yeMpilo Qete yaBasebenzi (Employee Health and Wellness Programme) yenziwa zezi zinto uLawulo lweMpilo neNtsebenzo yaBasebenzi (Health & Productivity Management) ngokuthi ijolise ekunikeni ingcebiso ngezigulo ezichaphazela ukwenziwa komsebenzi emsebenzini, lo gama ikwasenza sazi ngobunjani bempilo yethu. Ukuxhasa iphulo loMphathiswa wezeMpilo lokuhlolelwa i-HIV/AIDS, iSebe iWCED lidibanise iphulo lalo le-HIV Counselling & Testing (HCT) kwiiprogram zoSuku lweMpilo Qete yaBasebenzi.
2. Olu vavanyo lwempilo lubanzi lwabo bonke abasebenzi bakwaNdlunkulu lulungiselelwe ukuba lwenziwe nge-21 Meyi 2014 nange-22 Meyii 2014 ukuqala ngo-9:00 kuye kutsho ku-15:30 e-conference room 2 ekumgangatho wesibini we-Grand Central Building. Uxilongo luyakuthatha imizuzu engama-20 yokuhlolwa kwempilo abasebenzi banokuthethe-thethana nababathi babo ukulungiselelo otyelelo lwabo Kwezi nkonzo.
3. Kucelwa abaphathi babasebenzi ukuba bacebise abasebenzi ukuba babhalise ukuya kuvavanyo lwezempilo, oko kwenziwa ngokutsalela umnxeba okanye bathumele iimeyile kwiCandelo leMpilo Qethe yabaSebenzi ngomhla okanye phambi komhla we 16 Meyi 2014 ukuze bakwazi ukusebenzisa zonke iinkonzo. Kuya kuvunyelwa abasebenzi ababhalisileyo kuphela ukuya kuvavanyo lwezempilo. Kucelwa abaphathi babasebenzi ukuba benze amalungiselelo okuba abasebenzi babo bakwazi ukusebenzisa le nkonzo yamahala, lo gama beqinisekisa ukuba zonke iinkonzo ezibalulekileyo aziphazanyiswa nto.
4. Ukubhalisela ukuya kuvavanyo lwezempilo, nceda utsalele abasebenzi be Zempilo Qethe yaBasebenzi Kwezi nombolo:

Igama: Tasneem/Mpumi Inombolo: 021 467 9281/2577 Imeyile: Tasneem.Roux@westerncape.gov.za / Nompumelelo.Mxoli@westerncape.gov.za

5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kweliso lakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:30