1. oku kubhekiselele kwiSetyhula 0026/2008 emalunga nokuphunyezwa kweSistim yoLawulo lweKhefu laBasebenzi (HC-LMS).
2. Kunyanzelekile ukuba iinqununu nabaphathi bazalise irejista yokubakho emsebenzini kwi- HC-LMS yonke imihla ngaplambi kwentsimbi ye-10:00. Oku kuya kwenza bonke abaphathi bamanqanaba ngamanqanaba bakwazi ukubona isishwankathelo esipheleleyo sokubakho kwebasebenzi emsebenzini kwisistim iphela.
3. Ukwandisa ukusebenza ngempumelelo kwesistim ye-HC-LMS, kwenziwe olu tshintsho lulandelayo: i-default setting yabo bonke abasebenzi kwiRejista yokuBakho emSebenzini kwaBasebenzi (Employee Attendance Register) ye-HCLMS okwangoku isetwe yangu-'present’. Kucelwa niqaphele ukuba i-default setting kwi-Attendance Register iza kutshintshwa ibe ngu-'absent', ukususela nge-2 uCanzibe 2014.
4. Ukwenzela ukuba kunikwe ingxelo yokubakho emsebenzini kwabasebenzi, i-default setting entsha engu-'absent’ kwi-Attendance Register kufuneka itshintshwe ibe ngu-'present’ ize igcinwe (saved) emva koko.
5. Kucelwa ukuba yonke imibuzo ibhekiswe kwi-ofisi yoncedo ye-HC-LMS kule nombolo yefoni 021467 2035 okanye kule dilesi ye-imeyili hclms.hclms@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:04:08