1. Bonke abaqeshwa abangekasenzi nangoku isicelo sokufumana imvume yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente, kwakunye nabo banenjongo yokwenza umsebenzi ohlawulelwayo ngaphandle kwenkonzo karhulumente emva kwe-31 Matshi 2014, mabangenise ngokukhawuleza izicelo zabo zokwenza umsebenzi ololu hlobo phambi okanye ngomhla we-27 Matshi 2014.
2. Iimvume zikhutshwa ngonyaka-mali ngamnye (nge-1 Apreli ukuya kutsho nge-31 Matshi yonyaka olandelayo) yaye ke ngoko kufuneka abasebenzi bafake izicelo qho ngonyaka, kwangaphambili.
3. Ukufumana imvume, makuzaliswe le fom yesicelo iqhotyoshelwe apha ize ingeniswe kule dilesi ilandelayo:

  Head: Education
For attention: Director: Strategic People Management
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:12

"Annexure A: Application to perform remunerated work outside the public service"  (ubukhulu: 42 KB)