1. |
Iindleko zefoni apho kusetyenziswa iinombolo zeefoni ezifakwa kwizakhiwo (landline) nezeeselula zande ngokuxhomisa amehlo. |
2. |
Ukwenzela ukulungiselela nokulawula ukusetyenziswa kwefoni kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni, kuya kubekwa le miqathango ilandelayo kubo bonke abasebenzi bakwaNdlunkulu.
Ukuvumeleka ukusebenzisa ifoni
Isikhundla |
Abanako ukufowunela: |
Iinombolo zeendawo zale ngingqi |
Iinombolo zemimandla |
Iinombolo zikazwelonke |
Iinombolo zeeselula |
Iinombolo zamazwe ngamazwe |
UMphathiswa neNtsumpa-Jikelele |
Ewe |
Ewe |
Ewe |
Ewe |
Ewe |
USekela Mlawuli-Jikelele, uMlawuli oyiNtloko, uMlawuli, uMphathi weeProjekthi, uSekela-Mlawuli, iNgcali yeMfundo eyiNtloko, iSekela leNgcali yeMfundo eyiNtloko, uMlawuli oNcedisayo, uMphathi we-Ofisi, uNobhala weSikhulu (Personal Assistant), i-Senior State Accountant, i-State Accountant, iGosa loLawulo (SL 8) |
Ewe |
Ewe |
Ewe |
Ewe |
Hayi |
Ii-arhente zeZiko leeFoni, iGosa loLawulo (SL 7), ooMabhalane abaziiNtloko, uMabhalane wezoLawulo, uMabhalane weRejistri oyiNtloko, uMabhalane weRejistri, iGosa le-HR, iPrakhthishina yeHR, uMabhalane weHR, uMabhalane oyi-Chief Account Clerk, i-Accounting Clerk, uMsebenzi ohambisa iposi oyiNtloko, uMsebenzi ohambisa iposi, uMabhalane waseRejistri, iThayiphisti, i-Receptionist, i-Telecom Operator, uMqhubi, uMncedisi oPhatha uKutya. |
Ewe |
Ewe |
Hayi |
Hayi |
Hayi |
|
3. |
Bayacelwa kwakhona abasebenzi abangawiselwanga miqathango ekusebenziseni iiselula ukuba bafowunele kwiinombolo zeeselula kuphela kwimicimbi yaseburhulumenteni apho unxibelelwano ngefoni efakwa kwisakhiwo (landline) lungenakwenzeka. |
4. |
Ukuba kufuneka kutenxiwe kule miqathango ibekiweyo kumsebenzisi othile, makungeniswe ifom yesicelo ezaliswe ngokupheleleyo (IsiHlomelo A) kuMlawuli weCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo, uMs R De Bruyn, kwigumbi 6-01, eGrand Central Towers okanye apha Ryana.DeBruyn@westerncape.gov.za ukwenzela ukuba oko kuthathelwe ingqalelo. |
5. |
Imibuzo malunga nokuqulathwe yile ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuMs R Daniels kule nombolo yefoni 021 467 2792 okanye ngale imeyili Ruqayah.Daniels@westerncape.gov.za
|
6. |
Le ngcaciso imfutshane ithatha indawo yalo lonke unxibelelwano lwangaphambi koku olumalunga nalo mba. |
7. |
Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-L J ELY
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEZEMALI
UMHLA: 2014:07:25
|
|